NguCHRIS TOTOBELA

Imozulu ebintle izole nasebukhweni bezinja yangoMgqibelo walempela veki esisuka kuyo, ivumele abathandi bebhola bagaleleke ngobuninzi babo kumabala ase JD Dlepu eJoza. IMakana LFA ibigqibezela itumente yayo yokuqala konyaka nalapho amaqela ayo ebeziva amandla elungiselela ukuqala kwemidlalo yabo yeLeague.

Kumaqela amane ebedibene kwimidlalo eyandulela owamanqamu iSakhulutsha, ibhaxabule iNewtown City ngamanqaku amane eqandeni kumdlalo obuthande ukukekelela calanye. Komnye umdlalo, iYoung Killers ibethe iLove and Peace ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo obunzima kakhulu kubonakala ukuba kudibene ooxholovane bekudala bezondana. Lonto ithetha ukuba iMakhanda iyakumelwa yiSakhulutsha neYoung Killers kwitumente yabakwantsasana ezokudlalwa kulempela veki esiya kuyo, nalapho bazakugilana bebilelana namaqela aphuma eHoloholo, eNgqushwa, eQhorha naseSeven Fountains.

Ngokutsho kwegosa lolawulo kwiMakana LFA uAfika Adam, imidlalo ibimihle kakhulu kwaye khange kubekho magingxigingxi nogquzulwano. Abalandeli nabo baphume ngobuninzi kwaye baziphethe kakuhle kwade kwagqitywa udlalwa. Wonke ubani othanda ibhola makasondele ngaseDlepu kuloMgqibelo azokuxhasa amaqela ethu azakube emele iMakhanda.

Comments are closed.