Uwile umthi omkhulu mawethu, simkille iSikhukukazi, imkile iNtsengwanekazi MzoNtsundu, “LIYEZISA”

uNozipho Ruth Plaatjie, uzalwa nguDuncan Nominah Sinxo. Wazalelwa eDikeni kwilali yaseNjwaxa ngomhla wama21 November 1943. Bazalwa bebahlanu bebonke engowesine, besekusele yena yedwa.

Ngo1955 waza kuhlala eRhini eneminyaka eyi11, kuDadobawo wakhe uNobaka Harriet Sinxo Twaku.   Imfundo yamabanga aphantsi uyenze eNjwaxa, waze wagqithela eTshetshi, eyiFikizolo Lower Primary, wenyukela eAndrew Moyakhe Higher Primary School. Amabanga aphezulu uwenzele eNathaniel Nyaluza waphumelela uForm 5, waze wadlula wenza iDiploma kwiCommunity Development eMelika, neDiploma kwiLocal Development (SALGA, LGSETA, trained analyst Gender Education and training eZimbabwe Women’s Centre)

Uzimanye ngeqhina lomtshato noDumilo George Plaatjie, uMthunzi ongasekhoyo ngo1971. Balizwe ngabantwana abahlanu. Abafana abathathu kubo, uBonile, Buyile noKhayalethu abalilandulela eli, uNominenkulu kunye noMlamli.

Uphangele eSt Peters koNongendi, eKroneko, kwaNobomvu onguMakana Brick ngoku.

Uye wabalasela kakhulu kumzabalazo elwela amalungelo abantu kumbutho weANC kangangethuba leminyaka engapha kwe 30 years, apho ebenomama uNontsikekelo Tsewu, Nozipho Mpahlwa, oomama Nomgredezo nabanye. Waphuma engena entolongweni eshiya iintsana zakhe kumyeni nakubamelwane. Ekuphumeni kwakhe uzibandakanye nophuhliso lwabafazi,  baqala Ikhwezi Project yomthungo, wazibandakanya neqela leDetainees. Wayekhona xa kwakusungulwa iCosatu.

Waba nguCeba weAfrican National Congress nge 1 November 1995 – 18 March 2006. Uzijule ijacu ngokusebenzela kwiTraining yePhondo yaseMonti yoCeba, apho waye wawongwa khona.  Ubengomnye wabasunguli beGrahamstown Women’s Organisation. Ngo2011 wazimanya neCOPE

Ebandleni lakhe eTopiya udlale indima enkulu, ushiya enguSihlalo womanyano lomama bomthandazo.

Umama uPlaatjie, owayebizwa Mrs P ePastoral Institute usebenze khona ukususela ngo 1994 ukuya kutsho ngo1999, nababantu balandelayo: Bishop Malusi Mpumlwana, Mfundisi Vido Nyobole, sisi Bukelwa Manyandela, Mfundisi Roxanne Jordan, Ms Xoliswa Gaba, Mr Mike Kwenaite, Ms Nomkhitha Gysman, Ms Xoliswa Ntintili, Mrs Boniwe Zono, Mr Mpumelelo Klaas, Mr Zama Twaku, Ms Mandisam Nkopane, Ms Bridgett Olifant noMr Lindile Jela, nabanye.

Usebenze khona njengeFacilitator yoqeqesho neProgramme Co-ordinator yophuhliso lomama. Usebenzile nakuphuhliso lolutsha, uphuhliso lwezikolo nophuhliso lwamabandla.

Uqeqesho
UMrs P ebengumqeqeshi ophume izandla kulemiba ilandelayo: izakhono zokukhokela (Leadership skills), izakhono zokulawula imisebenzi (Project Management), Ukucwangcisa (Strategic Planning), uphuhliso lwemibutho (Organisational Development) nophuhliso loluntu (Community Development)

Uphuhliso lomama
Ebebahlanganisa omama bamabandla nabemibutho yokuhlala abaqeqeshe ngendlela ezizizo zokusebenzisana namalungu abawakhokelayo, neendlela abanokwenza ngazo ukunyusa ingxowa-mali zabo (Fundraising) nophuhliso lwabo. Ngenxa yesakhono sakhe nokuzinikela kwakhe ekumeleni amalungelo omama, uye wayinxalenye yeGender Desk yeSouth African Council of Churches neGender Commission yaseMzantsi Afrika.

Uphuhliso lolutsha
Ulutsha lweMpuma-Koloni beluqeqeshwa kwizakhono zobunkokheli, zokwakha nokukhokela imibutho yolutsha ngenkxaso ebifumaneka kwaVolkswagen Foundation. Bekuphuma negqiza lolutsha elikhokelwa nguye nabanye kuyiwe eBisho kuxoxwe neYouth Commission, ngamanye amaxesha amalungu eYouth Commission aze eRhini ezokubonisana ngophuhliso lolutsha nemibutho yolutsha yaseRhini, Cawa, Bathurst, Addo naseTinarha.

Uphuhliso lwezikolo
Uthabathe inxaxheba njengomqeqeshi kuphuhliso lwezikolo zaphesheya kweNciba (Quality Schools Programme) Kulenkqubo yophuhliso bekuhlanganiswa izikolo zengingqi (District) zakhe iDistrict Resource Centre. Kubekho Ithala leencwadi eziluncedo kwizikolo zalongingqi kwimiba yophuhliso. Izikolo ziboniswa ngendlela yokuncedisa uluntu lwasezilalini luziphuhlise. Kufundiswe izikolo nabahlali ngendlela zokumema amaziko oncedo-mali nokubhala izicelo-mali. Ngexesha lembalela kucelwa imibutho efana neMvula Trust izokungenelela ngendlela zokufumana amanzi emithonjeni.

Uthabathe inxaxheba kumbutho ohlanganisa imibutho yophuhliso yeMpuma-Koloni (NGO Coalition).

Ushiya ngasemva abantwana bakhe ababini, uNoMinenkulu (matsherana) noMlamli uNtondo wakhe, abazukulwana uLitha, Lwando, Lihle, Sange nesizukulwana sesizukulwana, nabatshana nefamily yakhe iphela kwaSinxo nakwaPlaatjie eMathuzini.

Usutywe kukufa ngomhla we5 February 2019.  Uza kubekwa kwikhaya lokugqibela ngomhla we16 February 2019.

Phumla ngoxolo MamZangwa, Mlanjana, Ncuthu Sohobese Nkume.  Sohlala sikukhumbula.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.