NguCHRIS TOTOBELA

Ide yafika imini ebikade ixelwa nanjengoko amaqela alapha ekhaya ekuphela kwawo adlala kwi-league yeSAB ebegagene. Ingqatsini yelanga langoMgqibelo ayilithintelanga eloqaqobana labalandeli ebeliyongqina kulomdlalo. IMaru ibihlinzeke abakhaya babo iCity Pirates kumdlalo ububanjelwe kwibala iKings Field eRhodes.

Umdlalo uqale kakuhle, omabini lamaqela ezama ukucinezela efuna nokulawula umdlalo. Kwimizuzwana elishumi elinesihlanu yokuqala, iCity Pirates ibonakele iwulawula lomdlalo esazulwini sebala kodwa ayikwazanga ukuvuna nto kwinqwaba yamathuba ewafumeneyo kwaye nonozinti weMaru ebethe qwa ezipalini engahleki nanye ehlekisayo.

Udonga lwangasemva lwePirates lubonakele luhexa lungena kuzinza. Akothusanga mntu ukubona iMaru isophisa kuqala ngelihle lona inqaku elifakwe nguInga Madyo emva kwempazamo eyenziwe ngunozinti wePirates ephuncula ibhola ebikhangeleka ingenabungozi.

Kuye kwakhula kakhulu ukuzithemba kweMaru emva kwelinqaku yaze yacinezela ngamandla kwaye IPirates iye yabamba iyeka ikhangeleka iphelelwe ngamaqhinga. Ithe ingekaphululi kuyaphi wagaleleka uVuyani Skeyi nenqaku lakhe elihle emva kwebhola egotywe kakuhle kwiphiko lasekunene yafika abadlali bangasemva bePirates bekobunzulu ubuthongo.

Kuyiwe ekhefini iMaru inkqenkqeza phambili ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova. Kwisiqingatha sesibini, iPirates izamile ukubuya kodwa ukufumba ngasemva kwabadlali babo basesuswini kubangele ukuba ifolosi yabo ijongane nabadlali abahlanu ukuya kwisithandathu seMaru, nanjengoko iMaru ibikhawuleza iyokuvala ngasemva nje ukuphulukana kwabo nebhola.

IPirates izenzile iinguqu kubadlali basesiswini kodwa azizanga nanto, kuba nabo bebethe gqolo bekhabela ibhola phambili bakugqiba bathathe ithuba elide ukuya kuncedisa ifolosi yabo, nto leyo ibangela kube nzima kakhulu ukugqobhoza kudonga lweMaru.

Omnye wabadlali bangasemva bePirates, uye wafumana ikhadi elibomvu emva kokuwisa umdlali weMaru obejongene nqo nonozinti wePirates. Lonto iwenze wanzima mpela umthwalo wePirates kuba iphele igqibezela umdlalo ngabadlali abalishumi kuphela.

UAsanele Nkatsha uye wabethelela isikhonkwane sokugqibela kulomkhombe wePirates emva kokuba unozinti wePirates ephinde wasila, ephuncula ibhola ezandleni isihlandlo sesibini. Uphele umdlalo iMaru iphumelela ngamanqaku amathathu eqandeni. Nangona elidabi lingakhange lifike kwizinga bekulindeleke ukuba libekulo kodwa ke elogcuntswana labalandeli belizokuxhasa lamaqela liye lakwazi noko ukubona amanqaku amathathu.

Comments are closed.