This idiom must not be confused with that of the black sheep of the family. Nowadays the stinkbug is rarely seen – and many young people of today may not have seen it at all.

Ndanga ndingawushiya nomzi wam ndakubona ukuba umfazi nabantwana bam kungathi kubo ndinuka umzondo. Nqunquthani mawethu.
Xa ufunda eligama lithi umzondo, livakala ngathi sisithutho kwezinye zeziduko zakwantu, kodwa akunjalo. Ngathi umntu uzakuthi ah, Mzondo zintshaba, mzondo nozwathi lakhe okanye mzond’onzongonzongo njalonjalo.

Kanti umzondo lona yintoni kanye? Umzondo sisinambuzane esithi xa sithe sahlala okanye sisabhabha nje ungekasiboni uve ivumba laso elingathandekiyo ngendlela le yokuba kubenzima ukulinyamezela ivumba elo. Kangangendlela elinga nyamezelekiyo ngalo elivumba ngenxa yokungaqheleki, umntu uye azive efuna nokukhupha okanye afune ukuhlanza. Asivumba unokulinyamezela. Ungalinyamezela ivumba lokunuka kwekhwapha kodwa hayi ivumba lesinambuzane umzondo.

Abantwana belixesha bazalwa sele kwanqaba kakhulu ukubonwa kwesisinambuzane. Sona ngexa sixhaphakile sasingasoloko sibonakala rhoqo kodwa apho sithe sabonakala khona, wonke ubani uyasihesha ngenxa yevumba elo.

Xa umntu ethi afaniswe nevumba lesisinambuzane kuthiwe unuka umzondo yazi ukuba akafunwa tu. Phofu ke ingekuba unelivumba qha usuke angathandwa ngulomntu okanye abobantu. Umntu okanye abantu abasuki bangamthandi umntu kungekho sizathu. Nokuba yena uyasazi isizathu kungenjalo akasazi kodwa imeko iba mandundu xa engasazi, lo uzibona ngathi unuka umzondo kwabo ebegqibele bemthanda naye ebathanda.

Mawethu asinto imnandi ukuzibona ngathi unuka umzondo kwabo ubugqibele uvana nabo. Lo nto iye imenze lowo ukulomeko umbone esiya kooXhasamawa ngelifuna uncedo lokuba ahlambeke kwelityheneba. Kuyenzeka ukuba abantu bamthiye omnye ngaphandle kwesizathu esibambekayo kodwa mna ndithi ukuthiyana akuzange kwaba nesisombululo esisiso kungakhange kuxoxwe.

Umcimbi ke lo wokunuka umzondo ukho kwintlanga zonke. Awunabantu bamhlophe okanye abamnyama kuba le imeko iyenzeka, yokuba omnye azibone sengasafunwa ngezizathu azaziyo okanye angazaziyo. Umnye uyakwazi ukunuka umzondo komnye ngenxa yokuthanda ukuthetha ulwimi lwasemzini, kanti ke omnye ngenxa yokuba engaluthandi ulwimi lwasemzini.

Masizondelele ukumxelela umntu isiphoso sakhe nokuba kutheni singafuni ukudibana naye. Ukuze angahlali enobukrakra; ukuze xa ebona ukuba akenzanga kakuhle acele uxolo ngako konke, phofu xa efuna kungabi kukunyanzelwa.

Kubuhlungu ukuzibona sele unuka umzondo.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.