NguCHRIS TOTOBELA

The Sophia Stars enjoyed a successful season for both of their junior sides, as the U13 and U15 sides took home their respective Makana LFA titles.
Photo: Supplied

NgoMgqibelo odlulileyo, umhla wokuqala kweMnga, ubeyeyona mini engasokuze ilityalwe liqela elize kakubi mvanje iSophia Stars. Eliqela lithande ukuba ngoomakhonya kukhuphiswano lwamaqela aselula, nanjengoko liye lalelona qela labadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi eline sithathu elithweswe njengentshatsheli zeMakana LFA kudidi lwabo.

Eliqela liphumelele phantse yonke imidlalo yalo kodwa libethwe kumdlalo omnye kuphela, ngethuba likhala ngaphantsi kweSakhulutsha. Elinye iqela leSophia labadlali beminyaka engaphantsi kwishumi elinesihlanu liye lenza imbali kwibhola yabafana abaselula ngethuba iphumelela ileague yeMakana LFA kwisigaba soontanga babo.

Omabini lamaqela eSophia aye athweswa njengentshatsheli ngemini enye. Ezindebe ziye zanikezelwa nguMnumzana uAkhona Heshu ongumlawuli weLeague yamakhwenkwana aselula kwesi Sengcwele isixeko.

Umphathi weSophia Stars uLindisipho Swaartbooi akhange akwazi ukuwuvala umlomo ngalempumelelo yeqela lakhe wathi “ndiziva ndonwabile kakhulu namhlanje kuba ndibona iziqhamo zokusebenza nzima kwethu. Thina sizimisele kakhulu ngakwicala lophuhliso kwaye sichitha ixesha elininzi sikunye nalamakhwenkwe ethu. Iminyaka emithathu iphelile oko iqela lethu labadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu lingabethwa, nto leyo ebonakalisa ubunganga. Okokugqibela ndibulela umqeqeshi wethu uMthuthuzeli Silo ngokuthi gqolo esebenza nzima encama izinto ezininzi kuba efuna ukuphuhlisa italente yabantwana”

Comments are closed.