The imbongi is showing concern about the conditions of Makhanda Municipality and the
community at large.

Molweni mabandla aphesheya kweGqume kwesikaNgqika eMakhanda
isixeko seengcongolo.

NooMosisi bethu abehl’entabeni,
Kudala silinde ukuza kuka Nxele

Kwizankwane zeenkonde zakowethu ndiyakhahlela!
Phantsi kwee qhiya zenkondekazi zendl’emnyama
Ndibhala le ncwadi ndival’amehlo
Ndisayine nam ngokwe ntindili yempumputhela
Kuba ndimibimbi bimbi bonozala bam
Kunga ndinga zilazila nokuhamba

Sisa ntyumpeka emanzini angacocekanga

Liphi lona ikhubalo?
Khubalo lokuvusa bona abaleleyo?
Kuba bona abadlozayo sihamba nabo,
Noko kunjalo abanacebo lokunceda
Kuba nanku noMasipala wethu esimthandayo
Kuvele abantu phonoshono Ntshonalanga
besithi makathi gu bucala

Kuyinkunkuma mbombo zone, baphathelela naba kuthi kunjalo

Andikeva nto ke mna ushiywa zindaba

Kaloku iindiyeva zam aziselo ncedo
Ncedani mabandla kuthekeni kwathini phi?
Abase moyeni bandihlebele ke kodwa
Ndeva ndeva, nabo abasebenzi abazi zipoko gxebe porho
Abathi ngolwimi lwasemzini “ghost workers”
Hayi kuqhawuka unobathana
Andazi nokuba ndive kakuhle na
Kaloku mna ndifunda imilebe ndiqonde
Maxesha wambi ke ndiwuphose umhlola
Yatsho lontsholo, makanyibilike lo manspala!

Ndive unxweeeee!
Besithi maka nyibilike uManspalathi
Ndanga ndingabaleka ndithi ngqeeee!
Owengcinezelo wema gomololo
Owenkululeko uyahexa
Sosa eyiphi kwamantyi thina bangazi nto?
Bhala Grokoti sive kwenzeka ntoni
Nam ukuba bendiyi ANC
Bendiya kukhusela iinkokheli zam
Ndiphathelele ngelilungisayo ke kodwa
Moya wokwahlulela lawula!
Camagwiiini!!

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.