NguCHRIS TOTOBELA

Imozulu ebizole nasebukhweni bezinja ivumele abalandeli bebhola baphume ngobuninzi bayokuxhasa ibhola yamagqiyazana. Iqela elilelona linembali ebalaseleyo ngempumelelo yalo iAfrican Connection exhaswa ngabakwa Oak Cottage Spar libhulele amasaka iqela leziko lemfundo ephakamileyo iRhodes University kumdlalo bubanjelwe kwibala iKings Field.

Omabini lamaqela aphose amanqaku amaninzi kwisiqingatha sokuqala kodwa Amakonokono ibengawo afumana amathuba acacileyo okophisa kuqala. Kuyiwe ekhefini ebambene ngeqanda macala.

Kwisiqingatha sesibini iConnection iye yacinezela ngamandla inyanzela Oosotheko ukuba bachithe ixesha elininzi bedlala kumhlaba wabo. Amakonokono ophise kuqala ngethuba uZingisani Mazaka engena okwemela eshushu ebhotolweni kubadlali bangasemva beRhodes phambi kokuba ashiye unozinti enabile. UAnelisa Milisi uye wongeza elakhe inqaku naye emva kokuba Oosotheko bengakwazanga ukuchitha ibhola ebigotywe kwiphiko lasekhohlo.

Uphinde wabuya uMazaka ngelihle lona inqaku esongeza kulomgalelo. IRhodes ikhangeleke idiniwe kwaye ifumbe ngasemva izama ukuthintela imvula yamanqaku. UZimkhitha Donyeli ongene njengelalela kulomdlalo uye wabethelela isikhonkwane sokugqibela kulomkhombe weRhodes. Umdlalo uphele iConnection iphumelela ngamanqaku amane eqandeni.

Ukapteni, nokwa ngunozinti weRhodes uNcamisile Mbele uthe “sizamile kakhulu kodwa ke ukungazilolongi kakuhle kuye kwasibetha”. UZingisani “Caster” Mazaka uthe “sidlale ngcono kakhulu namhlanje kwaye size sizilungiselele. Izamile kakhulu yona iRhodes kodwa ke besiyazi ukuba abazokwazi ukunyamezela ithuba elide. Ndixolile ngala manqaku mabini ndiwafakileyo namhlanje kwaye ndibulela nabalandeli bethu abaphume ngobuninzi bazosixhasa apha namhlanje”.

The African Connection team gather for a photo ahead of their recent match.
Photo: Supplied

Comments are closed.