UCOCEKO

Ngu: Chumani uBhejula isiduko  kunye noDumisa Mpupha

Vukani Sizwe sako Wethu ndithi vukani
ndithi vukani nindiboke indlebe
Kaloku indaba yotyelo ayikholi
ndithi makhe ndinixelele iindaba ezimnandi
Zimnandu kaloku kuba siphethe ucoceko
Siphethe ukuzikhathalela  kunye nolondolozo

Sekuthethiwe kwavakala kwavokotheka
mna ndiyoleka nje ndisoleka umsudulwa
Vasani kaloku izandla rhoqo ndithi rhoqo
xa nizophatha ukutya
Hayi ngxebe xa nibuya ngasese
Heyi wena ubhangisa utshabalalisa ugesi
wokhanyisa ngantoni na?

Heyi kwedini vala lompopo ulondoloze amanzi
kaloku amanzi sisiseko sobomi kwane mpiliso kuthi
Kodwa ke qaphela ucoceko lokuqala kuwe
wandule ukuphumela ngaphandle
Vukani Sizwe ucoceko ngamandla

Kwenzeka ntoni na kweli lizwe?
Ziindumba zeenkukuma mbombozone
Kulahlw’izinj’ezifileyo neekati
Ndibala ntoni na, kwanto
Nendingazibizanga ziyaziwa.

Ivumba mabandla ezitalatweni zethu liwisa isiduli
Masingakhali ngoManspala
Kloku uZenzile waziwa nini
Fak’iqhaga, ucoceko ngamandla.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.