Olwethu Mncono, oyi-intern psychologist at Fort England, ukhuthaza abahlali ngokuzikhathelela izinto zasimahla. Umfanekiso: Kathryn Cleary

Iguqulelwe esiXhoseni nguUnathi Mzwakali

Ngomhla we-10 kweyeDwarha, xa bekuphawulwa uSuku lweMpilo yeNgqondo lweHlabathi, i-Makana Sub-District Health ibisingethe umsitho wokufundiswa koluntu kwiHolo laseTantyi eJoza eMakhanda (eRhini). Injongo yalo msitho ibikukonyusela ukuqonda malunga neendawo ekufumaneka kuzo uncedo ngempilo yengqondo kunye nokufundisa ulutsha nabazali malunga neengozi zokusebenzisa gwenxa iziyobisisi notywala. Umsitho ubuzinyaswe kakhulu ngabafundi abasuka kwizikolo ezintlanu, abazali kunye nabahlali.

Kuye kwavulwa ngomthandazo nengoma ngethuba abafundi nabahlali bengena eholweni. Uceba Ramie Xhonxa wenze umvulo onomdlandla ukwamkela bonke ebebekho phambi kokunikela ku-Sister Ntomebenani Tshongweni, uMlawuli wamaNesi kwisiBhedlele i-Settlers Day. UTshongweni ugxininise ukubaluleka kokukhathelela ubume bempilo yengqondo yakho ungumntu nokunceda abanye abadinga uncedo.

“Akukho ngxaki ingenasisombululo”, utshilo, wongeza ngelithi ukungayihoyi impilo yakho yengqondo kungakhokelela ekubeni uzonzakalise. UTshongweni uphawule ngemfuneko yokusombulula ingxaki yeziyobisi notywala kuluntu lwala ndawo, ebalula ngokukodwa ukuba phantse isitalato ngasinye sinesirhoxo.


Umntu owothule intetho yosuku ngu-Olwethu Mncono, ongugqirha wengqondo osaqeqeshwayo e-Fort England. UMncono uthe hlasi umdla wabantu ngomdlandla nobutsha bakhe waze wabelana nabo ngolwazi lwakhe malunga nengulo yasengqondweni, ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala, amagama amabi oyanyaniswa nezigulo ezithile neendlela zokunceda abo badinga uncedo. “Inxalenye yoSuku lweMpilo yeNgqondo lweHlabathi kukuba thina siwufundeleyo lomba sifundise abahlali ukuba bayiqonde into yokuba ekugqibeleni noba umntu unokuphazamiseka ngokwasengqondweni, kusafuneka aphathwe oko mntu.” Utshilo uMncono.


UMncono uyenze ngesiXhosa intetho yakhe, ukuze akwazi ukubafikelela ngcono abafundi abasuka kwizikolo ezisezilokishini nabo bakwazi ukuthabatha inxaxheba babuze nemibuzo. “Uye wandenza ndanemincili kakhulu lo mbono”, utshilo uMncono. “Ngoba kwiindawo esihlala kuzo impilo yengqondo asiyonto ikhathelelweyo. Asiyonto exabisekileyo. Kwaye oku akwenziwa kukuba abantu abakhathali, koko benziwa kukungayiqondi.”

UMncono uye wabuza abafundi nabahlali imibuzo emalunga namagama amabi oyanyaniswa nezigulo ezithile kunye nezinto eziye zithethwe xa umntu eyokubona ugqirha wengqondo kunye nangokuphazamiseka ngokwengqondo. “Asihleki!” Ugxininisile ekhuthaza abantu ngelithi kuyinto elungileyo ukucela uncedo nokuba ukuphazamiseka ngokwasengqondweni kungumba onzima nomele ukuthatyathelwa ingqalelo.

Kuye kwakho nomdlalo weqonga omfutshane obonisa imiphumela nobungozi beziyobisi notywala nendlela ezivela ngayo eluntwini nokuba zinakho ukuthabatha ubomi bomntu. UMncono uye wathi ethubeni wabuza abafundi ukuba ziintoni abajongene nazo ebomini babo imihla ngemihla eziye zibenze bazive bephantsi koxinzelelo. Abafundi baye babalula ukufakwa phantsi koxinzelelo ziintanga zabo kunye nokungaphatheki kakhule njengezinye zezinto ezibenza babhenele kwiziyobisi nasetywaleni.


“Ungafeli ngaphakathi” utshilo, ethetha ngokubaluleka kweendawo ezisimahla apho abantu bangaya khona ukufumana uncedo nangemfuneko yokuba abazali babazi ubume beempilo zengqondo zabantwana babo. “Inkulu into ezuzwayo ekuthetheni khon’ ukuze ube nempilo.”


UMncono uye wanikezela ngoluhlu oluzeleyo lweendawo abangafumana kuzo uncedo lwengqondo abahlali.

Umsitho uye wavalwa ngombulelo owenziwe ngu-Mohamed Docrat onguMlawuli weeKhemesti kwiSebe lezeMpilo e-Makana Sub-District.

Comments are closed.