NguCHRIS TOTOBELA

IMakana LFA iyiqukumbele itumente yayo yamaqela angaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu. Lomcimbi ububanjelwe kwibala laseJoza, iJD Dlepu, kulempelaveki sisuka kuyo kwaye ubuyinxalenye yemibhiyozo yosuku lwamagugu.

Le tumente ibixhaswe lisebe lenkcubeko nemidlalo kulengingqi yeSarah Baartmaan. Lamaqela aqale imidlalo yawo yokukhiqana ngoMvulo umhla wokubhiyozela amagugu. Kumdlalo wokugqibela wobuntshatsheli, iSophia Stars ijongene nqo neGolden Brothers kumdlalo obuvutha amadangatye.

IGolden Brothers iye yacinezela zisuka nje yankqunkqa ibuyelela kwiipali zeSophia okwezulu laseMthatha, kodwa iSophia akhange itatazele ngasemva nangona bikhangeleka yothukile. Omabini lamaqela awafumene amathuba kodwa kwanzima ukuwasebenzisa kwade kwayiwa ekhefini ebambene ngeqanda macala.

Nokuba ibiyintoni ethethwe ngumqeqeshi weSophia ngethuba besekhefini isebenzile, nanjengoko abadlali bayo bebuye ngamandla kwisiqingatha sesibini. Ukungakwazi ukugqibezela phambi kweepali kuwachanile kakhulu omabini lamaqela. Bekushiyeke imizuzu nje emibini phambi kokuba kuphele umdlalo ngethuba unozinti weSophia enqanda ibhola ebinzima kwaye iqonde nqo emnatheni, kodwa waxhuma wabuya nayo.

ISophia Stars iye yaphumelela ngamanqaku amathandathu kwamahlanu kwiipenaliti, emva kokuba uphele umdlalo entanganye ngeqanda macala lamaqela. Umqeqeshi weSophia uMthuthuzeli Silo uthe “ubunzima lomdlalo kodwa ndiyavuya kakhulu kuba side saphumelela. Sifuna ukushiya umzila wokuba lelona qela liqhuba kakuhle kwibhola yama khwenkwana aselula”.

Umqeqeshi weBrothers, uThozamile Yaka uthe “intle into endiyibukele apha namhlanje nangona sibethiwe. Asebenzile amakhwenkwe am kwaye ndiyazingca ngawo. USompempe naye uwulawule kakuhle lomdlalo. Inye into endidanisayo kukungabonakali emabaleni kwabadlali ababefudula bedlala nathi kudala, nabazali abangaziyo tu ukuzoxhasa abantwana babo xa bedlala”.

Ongusihlalo we komiti yokhuphiswano kwiMakana LFA umnumzana Tsotsa uthe “iqhube kakuhle letumente kwaye khange kubekho magingxigingxi kodwa ke ndifuna nje ukutyityimbisela umnwe onke lamaqela atsalelweyo. Ndibulela abaxhasi bethu, abantu abazidinileyo bazobukela apha kanti nakwi phephandaba lalapha ekhaya iGrocott’s Mail ngokuthi gqolo ipapasha imidlalo yethu”.

Unobhala weMakana LFA uAkhona Heshu uphendule wenjenje kwizityholo zokudlala kwabadlali abadala kumaqela amakhwenkwana amancinci. “Kunzima ukuwulawula lomkhwa wokudlaliswa kwabadlali abadala nanjengoko kungasetyenziswa zazisi kwaye nabo abaphathi balamaqela kufuneka banyaniseke baqinisekise ukuba badlalisa abantwana ngokufanelekileyo”.

Golden brothers attacker going for goals. Photo: Sue Maclennan

Comments are closed.