NguCHRIS TOTOBELA

Imozulu ebizole nasebukhweni bezinja ivumele abalandeli bebhola ukuba baphume ngobuninzi babo bayokuxhasa itumente yebhola ebibanjelwe kwibala lase JD Dlepu eJoza kwimpelaveki edlulileyo. Le tumente ibiyinxalenye yemibhoyozo yalenyanga yamagugu, kwaye bisingathwe yiCity Pirates.

Ngamaqela alishumi elinesine aqubisene kuletumente elwela ibhaso lokuqala. Letumente iqale ngoMgqibelo, yadlalwa kwade kwango Mvulo umhla wokubhiyozela amagugu. Aye akhiqana lamaqela kwade kwashiyeka amaqela amane okugqibela, nalapho athe angquzulana kwimidlalo eyandulela owamagqibela kankqoyi.

Kumdlalo wokuqala ngoMvulo owandulela owamanqamu, iMaru ibethe iSantos kwiipenaliti emva kokuba ebambene ngeqanda macala. Kumdlalo wesibini iUnited Eleven yaseBhatisi ibethe iJacaranda Aces ngenqaku elinye eqandeni. Kumdlalo wokulwela indawo yesithathu iJacaranda Aces ibethe iSantos kwiipenaliti.

Kumdlalo wamanqamu iUnited Eleven igagene neentshatsheli zeNew Year’s Cup iMaru, kumdlalo obukwizinga eliphezulu kakhulu. Lomdlalo uqale ngesantya esiphezulu ngolona hlobo, omabini lamaqela ecacisa mhlophe ukuba awazanga kuzodlala apha.

Ithuba lokuqala liwele kumdlali wasephikweni lasekunene weMaru kodwa kwanzima ugqibezela sele ejongene nqo nonozinti weUnited. Iqela lasemzini liye lophisa kuqala emva kokuba uZanoxolo Manyathi ebethe nje kakuhle ngentloko ibhola eyibeka kude kunozinti weMaru nothe weva ngabalandeli ukuba ihleli emnatheni lobhola.

Oku kwenzeke nje emva kokuba kubuyiwe ekhefini nalapho lamaqela aye ayokuphumla ebambene ngeqanda macala. Isiqingatha sesibini besingumahluko kweso sokuqala besithande uzola. IMaru iye yazama ukuqinisa emva kwelonqaku le United kodwa ngelishwa iye yadilikelwa ngumgodi emva kokuba umdlali wabo wangasemva edlale kakubi oweUnited ngaphakathi ebhokisini, ntoleyo ebangele ukuba uSompempe olathe emlotheni.

ULebogang Lebete khange enze mpazamo ngethuba eyivalela phakathi lo bhola kwaba kanti ikhokela ngamanqaku amabini eqandeni. Iye yafumana elokubika ekhaya iMaru kodwa bekusele kwaphukile nanjengoko uye waphela umdlalo iphumelele IUnited ngamanqaku amabini kwelinye yaba kanti igoduka namawaka alishumi eranti nendebe kwakunye neembasa zegolide.

IMaru ifumene amawaka amahlanu neembasa zesilivere, logama iJacaranda Aces ihambe namawaka amabini anamakhulu amahlanu. Umqeqeshi weUnited, uAndile Marasi uthe “le tumente ibintle kakhulu kwaye onke amaqela ebezimisele. Umgangatho buxhomile kakhulu kwaye eyona nto endiphuma nayo kubaququzeleli balo mcimbi kukusetyenziswa kooSompempe abanamava ngakumbi kule imidlalo ibithande ukuba qatha. Ndiyabuya nakulo uzayo unyaka ndizozama ukukhusela le ndebe”.

Othethela osotheko uLuntu Jela yena uthe “itumente iqhube nje kakuhle khange kubekho magingxigingxi kwaye nabalandeli oko begcwalisa ibala ukusukela ngoMgqibelo ukuzothi ga namhlanje. Ndibulela abaphathi beCity Pirates, namaqela onke athathe inxaxheba kwakunye nooSompempe abasincedileyo kakhulu kuletumente. Siyathemba ukuba kulo uzayo unyaka siyakuthi silungise apho sigquduze khona” utshilo uJela.

Maru’s goalkeeper taking the ball off one of his defenders’ head.
Photo: Sue Maclennan
Eleven United clearing the ball from their goal mouth.
Photo: Sue Maclennan

Comments are closed.