Umculi weRap waseRhini (Makhanda) uAzlan Makalima ukhuphe ingoma yakhe entsha kraca ebizwa i-18 Area. Le ngoma kaMakalima ishicilelwe yinkampani iMultimedia Mekanik yaze yapapashwa yinkampani iSheer Publishing iphenjelelwe ziingoma zabaculi abadala beKwaito iTKZee (Shibobo) nongasekhoyo uPro Kid (Sekele).

UMakalima ngumphathi wenkampani iMultimedia Makenik esekelwe ukuququzelela amatheko,
ukwenziwa komculo kunye nokuvelisa imizobo. Uthando lukaMakalima lomculo lwamenza
ukuba azibandakanye nesikhululo sosasazo omoya, iRadio Grahamstown kwinkqubo i-Art
Effects.UMakalima ukwangumbhexeshi weemvumi ezifana noKay-Kay kwakunye noZizi The Rapper.

“Ingoma u-18 Area yingoma yokukhahlela abadlali bebhola eMzantsi Afrika kwakunye
neemvumi zomculo weHip Hop,” utshilo uMakalima. Le ngoma uMakalima uyichaza nje
ngethathela ingqalelo lwesakhono loluntu olungafumani mathuba okugqamisa oko.

UMakalima waqala ukubhala ngonyaka wama-1999 waze waqala ukucula esidlangalaleni
ngonyaka wama-2002. Le ngoma kaMakalima iyafumaneka kwi-intanethi kula makhasi: Apple
Music, iTunes, Deezer kwakunye noSpotify ku https://song.link/i/1368720774

https://www.youtube.com/watch?v=A1g3U60E57M

Comments are closed.