Assupol’s Freddie Smith, Fifi Mompati hands over the dresses they collected to RU SRC members Unathi Mabukane and Nhlakanipho Mhlangu. Photo: Tolakele Silo

NguTolakele Silo
Iqela elikhokhele abafundi kwiYunivesithi yaseRhodes (Student Representative Council-SRC)
libambisene nenkampani yakwa-Assupol linikeze ngeelokhwe zeMatric Farewell kubantwana
bebanga leshumi laseNtsika Secondary School eRhini ngoLwesine umhla we-16 kweyeThupha kulo
nyaka wama-2018. Eli nyathelo likhokhelwa nguUnathi Mabukane weli qela okwisihlalo sokuthatha
inxaxheba kuluntu. Lo kaMabukane wakuqala oku ngonyaka wama-2014 waze kulo nyaka waquka
iqela lakhe le-SRC kwakunye nenkampani i-Assupol.

“Sikubona kubalulekile ukuba la magqiyazana naziinkokheli zangomso azive ebalulekile kwaye
enesithozela xa esiya kwiMatric dance yawo,” utshilo umongameli weli qela likhokhele abafundi
kwiYunivesithi yaseRhodes, uNhlakanipho Mahlangu. UMahlangu ukuthethe oku evuyisana
ekwancoma aba bafundi bebanga leshumi ngelithi kwiimeko abajongene nazo emva emakhaya
kuluchulumanco ukuba bafike kweli nqanaba ebomini babo. “Siyathemba ke ukuba kwiminyaka
embalwa ezayo iya kube inini ababuya bazokuphisa ngeelokhwe,” utshilo uMahlangu.

Eli nyathelo liqokelele iilokhwe ezingapha kwama-35. Oku kwenzeke ngokusebenzisa amakhasi
onxebelelwano, apho athe umsebenzi we-Assupol, umam’ uFifi Mompati abone umbhalo
kaMabukane ngeli nyathelo. “Ingummangaliso indlela esiwanyashayo amathuba okwenza inguqu
sisebenzisa amajelo anje ngala amakhasi onxebelelwano,” utshilo uMompati onethemba lokuba
baza kubambisana nesikolo ukwenza okungaphezulu koku kwiminyaka ezayo.

“Nje ngabafundi bebanga le-10, sisuku kumakhaya ahlukileyo kwaye abanye bethu bebengazukuya
kwi-farewell yethu kuba akukho mali yoko emakhayeni ethu,” utshilo umfundi wesikolo saseNtsika
nongumongameli kwiqela elikhokhele abafundi, uSiviwe Madondo. Inqununu yesi sikolo umam’
uMadeleine Schoeman iqhwabele izandla eli nyathelo ngelithi “liza kunika inywheba yokuba
abafundi babe nako ukuba baye nabo kwi-farewell yabo”.

“Siza kuqhuba nokuqokelela ezi lokhwe ‘de kufike umhla wabo we-farewell ngenyanga yeDwarha
kwaye sikwacela nabantu ukuba banikeze ngoko banako,” ivale ngatshoyo intloko yeli nyathelo,
uMabukane.

Comments are closed.