NguCHRIS TOTOBELA

Bekuxhelw’ exhukwane kubathandi bebhola kule mpelaveki idlulileyo, nanjengoko bekugqityezelwa itumente yamaqela asibhozo yeMakana LFA eJD Dlepu Stadium. NgoMgqibelo, kumdlalo wokuqala, iJoza Callies ibethe iCity Pirates ngamanqaku amane kwamabini kwiipenaliti emva kokuba lamaqela ebambene ngenqaku elinye macala.

Usompempe okhangeleke esindwa kwaye ekwashiywa ngulomdlalo, uphantse wawonakalisa lomdlalo obutshisa ngeyona ndlela. Kuye kwacaca nakuthathatha ukuba akakakulungeli ukuphatha umdlalo okulomgangatho. Kumdlalo wesibini, iMakana Pillars ibethe iJacaranda Aces kwiipenaliti ngamanqaku amahlanu kwamane emva kokubambana ngamanqaku amabini macala.

NgeCawa kumdlalo wobu ntshatsheli, iJoza Callies ihlangene neMakana Pillars. Uqale ngesantya esiphezulu lomdlalo kwaye omabini lamaqela acacise zisuka nje ukuba awazanga kuzofundisa iintaka ukubhabha. Iye yacinezela ngamandla iCallies izama ukophisa kuqala, kodwa iye yothuswa nguJabulani Mkwena, oye watsho ngempundulu eye yamshiya unozinti eme ngxi, wangathi ubanjwe ngomnatha, weva ngentswahla yabalandeli. Lo kaMkwena umbhaqe kakuhle unozinti ezishiyile iipali zakhe, ntoleyo ebangele ukuba iPillars yophise kuqala.

IJoza Callies ibuye ngamandla emva kwalo mpazamo kanozinti yacinezela ngakumbi kwade kwabe kanti iyavuzwa ngenqaku elingene emva kokuba unozinti wePillars ephuncule ibhola elula kakhulu enika uAthenkosi Masa ithuba loku linganisa amanqaku.

Kuyiwe ekhefini ebambene ngenqaku elinye macala. Abuye kwisiqingatha sesibini ezimisele kakhulu lamaqela kwaye nomdlalo wathanda ukuba rhabaxa kancinci kungekho ifuna uyekelela umxakatho.

Omabini lamaqela awafumene amathuba okufaka inqaku lempumelelo kodwa awakwazi ukuwasebenzisa. Uphele umdlalo ebambene ngenqaku, yaze iPillars yaphumelela ngamanqaku amane kwamathathu, yabe kanti igoduka nayo lendebe.

Ukuba singa jonga nje indlela ebedlala ngayo lamaqela omabini kule tumente, kukhangeleka ngathi akuzobalula tu xa sele iqalile ileague yeMakana LFA. Mabothulelwe umnqwazi abaphathi be Makana LFA naba xhasi babo ngokuza netumente ekumila kunje nethe yanika ithuba kubaqeqeshi ukuba balungise amaqela abo phambi kokuba kuqale imidlalo yeleague.

Jacaranda going for goals against Pillars in the semis of the pre-season tournament at JD Dlephu
Stadium on Satruday 1 September 2018.
Photo: Sue Maclennan
Aerial battle between Jacaranda and Pillars in the semis of the pre-season tournament at JD Dlephu
Stadium on Satruday 1 September 2018.
Photo: Sue Maclennan

Comments are closed.