Icatshulwe kwintshayelelo

Kutsha nje, kwincoko esasithetha ngolu dlwengulo lugqugqisayo, sixoxa ngokuhlukunyezwa
kwabantwana besikolo zii-paedophiles (abantu abadala abanenkanuko zokulala nabantwana)
abakwizikhundla zegunya, omnye wabahlobo bam ubuze umbuzo owabangela iingcingane kuthi.
Waqhuba wathi, “Sithetha ukuthini? Uthetha ukuthini xa usithi ibisenzeka lonke ixesha
esikolweni?”

Cinga ngalo mbuzo umzuzu phambi kokuba wandule ukuqhubeka ukufunda. Awululanga
njengokuba ebonakala.

Siyithetha siyiphendule njani imicimbi yoxhatshazo?. “Yenzeka lonke ixesha” ikhomba kule
nyewe, ikwabonisa ukuba bubuxoki ukuba ezi ntetho ziyothusa futhi zenzeka kumaxesha athile.
Le nto ikwabonisa ukuba iqhelekile, iyenzeka: “Ngalo lonke ixesha”. Iyenzeka. Inyaniso kukuba
‘ayenzeki nje’. Abantu bakhetha ukudlwengula futhi bathatha esi sigqibo kuba sibalindele,
isigqibo esingenamiphumela kubo.

Kodwa ikhona indleko- eyona inkulu, indleko ebulalayo eza nodlwengulo- inxeba
elingabonakaliyo elihlala ixesha elide emveni kwamanxeba omzimba (apho aphila khona)
epholile. Oh! Eyona ndleko kuthi ke, kukuba sibenenquleqhu yabantu bethu abahamba
bonzakele.

Uluntu lwethu lungenza ngcono.

Phambi kwetyala likaZuma, ndandinethemba elikhulu kuluntu lwethu ekulweni ukulusiphula
neengcambu zalo udlwengulo nangona ndandiwabona amanani. Ndandikholwa ukuba abantu
abaninzi xa besithi abalufuni udlwengulo, nangona ndandibazi ubumene-mene baseMzantsi
Afrika xa kuyiwa kwigunya lwegender. Emveni kweli tyala, ndibonile into eyenzeke
ngaphandle, indlela abantu ababezimisele ngayo ukuyokunyhukutyha umfazi, bethethelela
indoda enamagunya. Kuyacaca gca apha kum ukuba inkulu into ekufuneka itshintshile
ingekasiginyi sonke.

Sidinga izixhobo ezitsha, ezingazokutshintsha, kodwa ezizokongezelela kumacebo asele sinawo
okulwa ubundlobongela. Ukuqinisekisa ukuba abadlwenguli baphendula Ityala labo linyathelo lokuqala. (Sidinga) ingqiqo yokuba udlwengulo lwenzeka njani: kuba siphatha abafazi ngokungathi abazozinto- ingumsonto nethunga kwisiko lethu eMzantsi Afrika Ukuphelisa udlwengulo kuzokudinga ukuba sichithe yonke into esiyaziyo ngesiko lokudlwengula. Izokufuna inyaniso ukuba kukho iinkqubo ezixhasa isiko lokudlwengula futhi
indlela esixhasa ngayo abo badlwenguliweyo ibalulekile…Ukoleka kumaqhinga asele ekho
okuqhanqalaza nokutoyi-toya, sidinga iindlela ezintsha zokwenza amadoda anobundlobongela
ukuziva bengakhuselekanga ze siphelise nolugqugqiso benza ngalo oludlame. Iinkalo ezininzi
eluntwini nge-gender zidingeka ukuba zijongwe kwakhona. Iindlela ezininzi zodlame zenzeka
sibona, ngelinye ixesha phambi kwababukeli abavele bame bhungxa. Sithini kubantu abaphuma
kuxhatshazo ngokwesondo xa sibabuza ukuba bathethe nangona sifulathela ngemiqolo yethu xa
ezinye indlela zodlame nohlazo lwabantu lusenzeka phambi kwethu?

Siyijika njani ingqiqo yethu kunye nesimilo sethu kwiindlela ezenza kubenzima ukuba
ubundlobongela benzeke phambi kwethu? Singenza njani ukuba abo benze ububi bangaziva
bekhuselekile? Kutheni abaninzi kuthi bejonga pha kude ecaleni…

Ixesha lifikile ukuba sifake uxinzelelo kumadoda adlwengulayo, abo bathethelela izidlwengu,
nabo “bahlekisa” ngodlwengulo, sinxinzelele urhulumente wethu ukuba enze inkqubo
yobulungisa esebenzayo ezokunika ubulungisa kubantu abaphuma kudlwengulo kunye nabo
bonke abaphuma kubundlobongela. Ukuthula ekufuneka sikophule kukungaxeli abadlwengu
abaphakathi kwethu. Ayamkelekanga kuphela- okanye iginyisa amathe- ukwenza ngathi
amadoda adlwengula abafazi, abantwana namanye amadoda ambalwa futhi asiwazi. Abo basuka
kudlwengulwa bayabazi abo babadlwenguleyo. Ayikwazeki into yokuba amadoda ambalwa
abambe ilizwe ngobhongwana ngolu hlobo.

This is the first of three edited excerpts from Rape: A South African Nightmare by Professor Pumla Gqola, published with the author’s permission in the lead-up to the Rhodes University hosted Silent Protest  in Grahamstown (Makhanda) on 3 August 2018.

Read English version
bit.ly/GrocSilent1
bit.ly/SilentP2
bit.ly/GrocSilent3

Comments are closed.