NguTolakele Silo

“Anivanga na ukuba ihambile iMbongi yeSizwe?
Anazi na imke ngenqwel’ egoqoz’ emafini?
…Ingqangangqanga yentetho yesiXhosa
Ubharhumla ngokwengonyama xa abongayo,
Umazwi aluncuthu kwabafundisayo,
Umhlahli-ndlela ngegalelo lokubhaliweyo
Into kaMqhayi iMbongi yeSizwe Jikelele.”

La ngamazwi kaJames James Ranisi Jolobe kumbongo wakhe osihloko singu “Imbongi yesizwe,
SEK MQHAYI”. USamuel Edward Krune Ngxekengxeke Loliwe Mqhayi (S.E.K Mqhayi)
wayeyimbongi yesizwe nombhali owabanefuthe elikhulu ekubhalweni kolwimi lwesiXhosa.
Ezalelwa kwilali yakwaGqumahashe eDikeni, wathi walandulela eli ngomhla wama-29
kweyeKhala ngonyaka wama-1945 emva kweminyaka engama-70 esidl’amazimba.

“Siyavuya silikhaya ukubona ukuba inene uta’mkhulu wethu ngumntu womntu wonke,” utshilo
uPam Mqhayi, nongumzukulwana kaS.E.K. Icandelo leelwimi kunye noncwadi lweyunivesithi
iRhodes kunye nesikolo saseRhini iNtsika Senior Secondary belibambisene nomasipala ombaxa
iBuffalo City liququzelela ukucocwa kwengcwaba likaMqhayi, nebelisele lilihlathi yingca. Oku
kwenzeke kwidolophu iBerlin ngoLwesihlanu, umhla wama-27 kweyeKhala kulo nyaka ka-
2018.

Umhlohli weYunivesithi iRhodes, uGqirhalwazwi Ntombomzi Mazwi nonguye obeququzelela
lo msebenzi uthi, “…sibone kufanalekile ukuba emva kwemisebenzi engaka nenxaxheba enkulu
eyadlalwa nguta’mkhulu uMqhayi asinokwazi ukuthula senze ingathi asimazi, ethule nje
uyathetha.”

Eli candelo lizakubhiyozela uMqhayi ngosuku lwesithathu kweyeThupha ngalo nyaka ka2018.

Comments are closed.