Excerpt 2.
Icatshulwe kwisahluko se-4
I-female fear factory, endikwayibiza imanufacture of female fear ixhomekeke kugqithiso
lwentsingiselo ngokukhawuleza nangokusebenzayo.

Ugrogriso lokudlwengula yindlela esebenzayo ukukhumbuza abafazi ukuba abakhuselekanga
nokuba imizimba yabo asiyoyabo ncakasana. Lusetyenzizo mandla olugqithisa umyalezo ukuba
indoda engcungcuthekisa abafazi inamandla kumfazi lo imnqolobayo; ikwafundisa abafazi
abakhe bayiphila le mpilo, ngokungakhuseleki kwabo, ngokuthi babakhumbuza ngoloyiko lwabo
olwadlulayo okanye ukubabonisa ukuba ingehle yenzeke kubo kwakhona. Yindlela esebenzayo
ukubonisa abafazi indawo yabo, ngenxa yoko ke iye ibangele abafazi bangahambi zonke iindlela
ngeenyawo nangengqondo.

Ukwenza uloyiko kumabhinqa kusebenza ngokuvala abafazi umlomo ngokusikhumbuza
ngokudlwenguleka kwethu, ngoko lonto isicime ukuze sihlale kwindawo yethu. Ngelinye ixesha
isebenza ngokukhumbuza amanye amadoda nabantu aba-trans (abo bathathe isini
abandazalwanga naso), ukuba nabo bayadlwenguleka. Olu luloyiko oluseluntwini oluphekwa
ngeendlela ezohlukileyo bucala nasesidlangalaleni. Isiko laseMzantsi Afrika luxubene nalo
mkhuba.

Ukwenza uloyiko kumabhinqa kudinga iinkalo ezithile ukuba lusebenze: ukhuseleko lwesaphuli-
mthetho, ukungakhuseleki kwexhoba, ukuphumelela konxulumano olusuka kwisaphuli-mthetho
esinamandla okonzakalisa, ukudlwengula noku/okanye ukubulala ixhoba kuze kungabikho
miphumela kulo. Abafazi bakhuliswa ukuba bangayijongi le “female-fear factory” ukuba benze
ingathi ayenzeki nokuba babaleke xa bengakwazi ukungayijongi. iPatriachy isiqeqesha ukuba
samkele iimeko ezenza olu loyiko ebafazini, ngakumbi xa iyimizimba yethu emgceni.
Imizekelo ibonisa lento kakuhle….

Ngobusika buka-2013, ifeminist uLebo Pule wabelana nathi ngebali lokubasevenkileni
edolophini eGoli apho kwakukho umfana owaye nyhukutyha umfazana. Yindawo ke le apho
ubundlobongela, isini nobuni babantu bugilana khona. Njengokuba uPule ejonga, lo mfana

uzama ukufumana isihoyo kulo mfazana ngokumkhwaza, embiza ngeendlela ezithe ngqo. Xa lo
mfazana eqhubeka ukungamhoyi, uye afufutheke ngumsindo, aqalise ukumqhwetha.
Lo mfazana enze ke ngendlela ezohlukileyo ukuba akamniki isihoyo, ambhebhethe amshiye.
Lento ke ibonakalisa lubala ukungamkeleki kwela mehlo awacelayo umfana. Xa ebona ukuba le
migudu yakhe ayincedi, lo mfazana aguquke amxelele emehlweni ukuba akanamdla wokuthetha
naye athi makahlukane naye. Amxelele ukuba makahambe.
Aphendule athi. “Yilonto sinidlwengula”

Oligcabevu ngumsindo uPule angenelele, ambuze kuqala, “Kuthetha ukuthini xa usithi yilonto
nisidlwengula?”, wahambisa wathi “Khona, bangaphi abafazi osele ubadlwengule?”
Ngeli lixa, kwakubonakala ivenkile isithi xhonxosholo, yothukile yilentetho kaPule kulo mfana.
Abantu bakhwanqisekile ngulo mkhwa, bothukile ukuba engayiyeki lento, esenza lo mfana
iintloni.

Bawuqhelile lo mkhuba – ukuba ayisosigrogriso salomfana esi sikhwanqisayo, kukunqanda
kukaPule ukuba lo mfana angaqhubeki

Bonke abathengisi bale ndawo becwaka.

Grocott’s Mail in partnership with Rhodes University’s Equity and Institutional Culture office, is publishing edited excerpts from Rape: A South African Nightmare by Professor Pumla Gqola, with the author’s permission in the lead-up to the Silent Protest  in Grahamstown (Makhanda) on 3 August 2018.
“Many years ago, I watched a television programme where a journalist talked to a group of young men who readily admitted on camera to having raped. None of them wanted to admit that it (rape) was violence that could ruin women’s lives.
They also reported not suffering any real consequences. None of their relationships had suffered. They had not been ostracised or stigmatised.”

English Version: bit.ly/SilentP2

http://www.grocotts.co.za/2018/08/02/silent-protest-excerpt-2/

Mzwamadoda Makalima

Mzwamadoda Makalima, better known as Azlan Makalima, is a Grocotts Mail Online Producer, Journalist, Graphic and Layout Designer. He is a Head-Director at Multimedia Makenik, a Small Medium Micro Enterprise on Event Management, Graphic, Audio and Visual Design.

Comments are closed.