NguThobani Mesani

Inkqubo kaTrading Live yakulo nyaka iphele ngeyona ndlela ingumangaliso. Le nkqubo iqale ngomhla wokuzalwa wakaTata uNelson Rolihlahla Mandela, i-18 July, yaze yaqukunjelwa ngolwesithathu umhla we-24 July. Le nkqubo ikhuthazwe yimibhiyozo yomhla obizwa ngokuba yiMandela Day, apho abantu bathatha imizuzu engamashumi asithandathu anesixhenxe (67) ngokuthi bancedisane noluntu kwiindawo abahlala kuzo ngezenzo zoBuntu ezahlukeneyo. IYunivesithi iRhodes yona yathatha isigqibo sokuba izokuthatha iveki yonke ikhuthaze abahlali baseRhini bephelele ukuba bancedisane ekwakheni iRhini ngeendlela ezahlukeneyo.

Kule veki yale nkqubo kuye kwabakho abantu abaninzi abaye bafaka izicelo zokunceda nezofuna uncedo. IOfisi yeCommunity Engagement yaseRhodes yaze yaququzela ngokudibanisa izicelo nabantu abafanelekileyo. Kule veki kuye kwabakho iinkqubo ezahlukeneyo apho uye wafumana abantu abafundela abantwana iincwadi, amashishini anikela ngeencwadi ezikolweni kunye nezinye ezininzi.

Ezona zathe zabalasela kulo nyaka sisikolo samabanga aphezulu iT.E.M Mrwetyana yona ibiqala kulonyaka ukufaka izicelo zokwenzela abantu izinto, yona koonyaka abadlulileyo ibisoloko iyiyo eyenzelwayo. Oku kuhambisana kakuhle neenjongo zeeOfisi yeCommunity Engagement yaseRhodes apho ifuna ukubona wonke umntu ethatha inxaxheba ngokuthi nabo bancedise kwabanye ingasoloko ingabo abancedwayo.  Amashishini aseRhini nawo athe adlala indima enkulu ekuzameni ukuphucula izikolo zaseRhini ngokuthi anikele ngeencwadi, ngeezinto zokwakha nezokulungisa izikolo zaseRhini.

Owona mbhiyozo uye wabamkhulu kulo nyaka, ngumbhiyozo kaMakhulu uMahlakahlaka othe wabalasela. Ngomhla ka18 July uMakhulu uMahlakahlaka ugqibe iminyaka elikhulu (100 years) kulo nyaka. Oku kutkuthi wazalwa ngemini enye noTata uNelson Rolihlahla Mandela. Lo mbhiyozo uye waququzelelwa ngapabhangeli baseRhodes abazibiza ngokuba bazii-Friends of Ethemberni. Aba baphangeli bancedisana kakhulu ne-Ethembeni Adult Centre.

IOfisi yeCommunity Engagement yaseRhodes iyabulela kakhulu ngenkxaso ethe yayifumana kubahlali baseRhini bephelele abasuka kwiindawo ezahlukeneyo. Uluntu lwaseRhini luye lbonakalisa indibano elinayo nenkathalo ngokuqhubekayo ekuhlaleni ngokuthi ludibane kule veki lwabelane ngezakhono, ngolwazi nangeminikelo eyakuthi incedise ekuphuhliseni uluntu lwaseRhini luphelele.

Ngomhla we 14 ka Agasti kuzobe kukho imiboniso yeminyhadala ethe yathatha inxaxheba kule veki. Le miboniso izokuba iqokelelwe yaqukunjelwa ngabafundi beSikolo sobuNtatheli saseRhodes. Wonke umhlali waseRhini wamkelekile ukuba azokubona le miboniso.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.