Excerpts from Profesor Gqola’s Book Rape: A South African Nightmare.

ISIXHOSA VERSION

Excerpt 1.
Icatshulwe kwintshayelelo
Kwakhe kwathi komnye unyaka, ndibukele inkqubo kuMabona-kude, ndabona intantheli
incokola neqela labafana, bevuma ngokuphandle ngezenzo zabo zokudlwengula phambi
kwelizwe lonke. Yabangumqa ke le! Yayikwaveza nto ithile engqondweni yam. Imibuzo
yentatheli yale nkqubo yayephengululula izizathu kunye neendlela zaba bafana
owayenodliwano-ndlebe nabo.

Ndikwakhumbula nenye inkqubo eyayipapashwe komnye unyaka phambi kwalo, eyayinabafana
ababedlwengule iiLesbians ezintsundu. Le, yayiyinkqubo eyayijongene nemicimbi yabo basuka
ekudlwengulweni, kodwa ekugqibeleni imizuzu yale nkqubo yanikwa amadoda ababe xhobe
befohlele ekudlwenguleni iiLesbians ezintsundu, abo bangafuni ukubizwa ukuba ngamadoda
okanye abafazi (gender non-conforming) kunye nabafazi abasolekalayo ukuba ziiLesbians. Kuzo
zombini ezi nkqubo, abadlwenguli babengazisoli beqhekeza intsini ngendlela engathandekiyo,
kwinkqubo yokuqala ke bechaza la mabali. Kwakucaca nakuthathatha ukuba ezi ntatheli
aziphethekanga kakuhle kukungabikho kozisola kwaba bafo. Omnye wabo wavuma ukuba
abasadlwenguleli ukubhubhisa kodwa unintsi lwabo lwalusithi kungenzeka badlwengule
kwakhona.

Akukho nomnye kubo awayefuna ukuvuma ukuba ukudlwengula bubundlobongela
obunemiphumela emikhulu kakhulu engamosha impilo yabafazi kwaye lukhubaza umntu
undompela. Bagxininisa ukuba imiphumela yodlwengulo ayikhubazi xesha lide nangona bevuma
ukuba akukho mnandi ukwenziswa into ngenkani. Batsho bathi bona zange bagwetywe ngeli
xesha bedlwengula bebhubhisa abafazi. Xa ndithetha ngokugwetywa, ndibhekisela kwinto
yokuba zange kubekho ndleko abayifumana kuluntu ngokudlwengula abafazi. Ubudlelwane babo
nabanye abaNtu baqhubeka njengoko kwakunjalo ekuqaleni. Zange bakwaywe okanye
baphetshethwe.

Qhiphu! Kwenzeka into ethile kwela dliwano-ndlebe lokuqala. Intatheli yabuza ukuba bangaziva
njani ukuba bekungadlwengulwa umNtu ongumfazi abamthandayo. Hayke! Bonke abafana
baphazanyiswa ngulo mbuzo, enye indoda yafunga ukuba angayibulala indoda enochukumisa
udade wayo. Yaba kanti iinjongo zale ntatetheli zifezekisekile kanye apha. Into yokuba onke la
madoda ayefuna abafazi namantombazana abasegileni kubo bekhuselekile, engasiboni isimilo
sabo siyingozi yayingadibani engqondweni yam. Ngokucacileyo ke, la madoda ayesazi
ngemiphumela wezenzo zabo. Ayedlwengula kuba bekwazi.

…Ndiqala ngale nkumbulo kuba ezi nkqubo zazibonisa ayona nto inqabileyo- ingqondo
nokucinga kwesidlwengu kuthathatha. Kwiincoko ezininzi ezibasesidlangalaleni, abaNtu
bayazibhekelisa kwiizenzo zodlwengulo bade babonakalise ukungaqondi ukuba le ntsuma-
ntsumane yokudlwengulwa iqhubeka njani na eluntwini. La madoda awasozilwanyane okanye
amagongqongqo. Bayafana nje nabanye obhuti, abalingani okanye oonyana nabakabani na.
Ayikho indlela ongachaza ngayo abo bakhetha ukudlwengula, nangona abafazi namantombazane
behleli bexelelwa ukuba mabangazihambi iindawo ezithile kwaye badlalele kude kumadoda
athile. Iizidlwengu zingaba kuyo yonke indawo naphi na; isiko lokudlwengula nokwenziwa
amabhinqa uloyiko (endikwayibiza i-female fear factory) yinxalenye yendlela esikhuliswa ngayo
ukwamkela udlwengulo oluhlala luhleli nathi ngalo lonke ixesha ngokuxelelwa ixesha elininzi
ukuba umNtu makaqaphele.

Ukuqala ngeli bali akuthethi ukuba la madoda akuphe into esingayifanisa nento ebinokuthethwa
sisidlwengu. Akukho njalo. Asinaye nomnye umntu owakhe walikhupha latsola ukuba
udlwengulwe ngamadoda, evuma ukuba kunjalo. Kodwa eyona nto ke ibalulekileyo ngezi
nkqubo zimbini kukuba intlungu yomfazi kufuneke ikhe ixoxwe, ukuba nangona izidlwengu zazi
(zingagazi kanjani) ukuba zifaka ubuhlungu, ziyaqhubeka zenze njalo nanini na. Futhi ziyenza
rhoqo lonto, zisazi ukuba abaninzi bazokuma ecaleni kwabo, bethethelelwa ngezityholo ezifuna
ubungqina kunye nengxelo yasemthethweni. Bayayazi nokuba banamathuba amaninzi
okukhululwa bengenatyala kwiinkundla zomthetho nakwiinkundla zemilomo yabantu.

http://www.grocotts.co.za/2018/07/26/they-raped-because-they-could/

Comments are closed.