NguTolakele Silo
Iphondo leMpumaKapa likhulule iqela lokuqala lolutsha eliqeqeshelwe ukugcina nokuphucula
amaziko okusebenzela karhulumente kumsitho ububanjelwe kwindawo yokuqeqeshela amajoni
omkhosi eRhini, iSouth African National Defence Force (SANDF) 6SAI BN, ngoLwesine umhla
we-12 kweyeKhala kunyaka wama-2018.

Le nkqubo yesebe lenkulumbuso ibambisene neSANDF kwakunye neKing Sabata Dalindyebo
(KSD) TVET College ijonge ekuxhobiseni ulutsha olungenayo imatriki ukuba lufumane
izakhono zokugcina amaziko okusebenzela. Iqala ngolutsha olungama-395, le nkqubo liphulo
lephondo lokuphucula lixhobise ngezakhono ulutsha olungama-5 000 kwiminyaka emihlanu.
Emva kokuxhotyiswa ngolwazi iinyanga ezintandathu, olu lutsha luza kubekwa ezikolweni,
eziklinikhi nasezibhedlele ngeenjongo zokukhusela izinto urhulumente anazo zokuqhuba
umsebenzi.

“Kuhle ukuba ngonyaka wokugqiba ikhulu leminyaka kukaMadiba nomam’ uSisulu kubekho
inkqubo enje ngale eyenzelwe ukunqwanqwada isimilo solutsha ukuze lwazi ukuba ukuze
lwenze umahluko kwiingingqi zalo kumele lube luqeqeshekile kwaye lunembeko,” itshilo
intloko-jikelele (Major General) yeSANDF uRudzani Maphanywa ibhekisa kwelo qela lolutsha
lugqib’ okuqeqeshwa. UMaphanywa ukuthethe oku ngexesha ayala olu lutsha, esongeza ngelithi
mabancedisane norhulumente ekulweni indlala ejonge umntu omnyama.
Inkulu-mbuso yeli phondo, umphathiswa uPhumulo Masualle ukhankanye ukuba nje
ngorhulumente banethemba lokuncedisana nolutsha ukuba lukwazi ukufumana imisebenzi.
“Ndifuna ukunimemela ukuba sisebenzisane…eli lizwe lelethu, lixhomekeke kuthi ukuba silenze
ngcono,” utshilo uMasualle ngelixa ekhuthaza abaqeqeshwa ukuba mabadlale indima
kurhulumente wabo.

Le nkqubo inika ithuba lokuba ulutsha obelungenazakhono luqeqeshwe lubhatalwa isixa semali
engama-R2 000 ngexesha loqeqesho. Oku kwenzelwa ukuba olu lutsha lukwazi ukuqasheka
nokuba lukwazi ukoyisa indlala egubungela eli lizwe. USimamkele Ngqoyiya no-Ayabulela
Qeke ngabanye babantu ababenako ukuthatha inxaxheba kule nkqubo. “Ndiyabulela kwaye
ndiyavuya ukuba ndithe ndanikwa eli thuba kuba abanye bethu banembali engentlanga kodwa le

nkqubo isinike indlela entsha yokujonga ubomi, sisazi ukuba umntu akaphili yedwa uphila
nabantu,” utshilo u-Ayabulela Qeke ongummi walapha eRhini.

IMG_5232
IMG_5225
IMG_5221
IMG_5218
IMG_5216
IMG_5214
IMG_5210
IMG_5208
IMG_5206
IMG_5204
IMG_5202
IMG_5200
IMG_5198
IMG_5196
IMG_5194
IMG_5187
IMG_5180
IMG_5177
IMG_5172
IMG_5170
IMG_5165
IMG_5152
IMG_5148
IMG_5145
IMG_5142
IMG_5118
IMG_5114
IMG_5111
IMG_5109
IMG_5108
IMG_5106
IMG_5104
IMG_5096
IMG_5080
IMG_5075
IMG_5058
IMG_5048
IMG_5046
IMG_5044
IMG_5041
IMG_5040
IMG_5039
IMG_5037
IMG_5035
IMG_5033
IMG_5029
IMG_5025
IMG_5018
IMG_5008
IMG_5007
IMG_5004
IMG_5003
IMG_4999
IMG_4991
IMG_4986
IMG_4985

Comments are closed.