ITrading Live yinkqubo eququzelelwa yiRhodes University ezama ukukhulisa uluntu lwaseRhini
luphelele, ngokudibanisa abantu abohlukeneyo abanezakhono ezahlukeneyo ukuze kubekho
ulwabelano oluthile. Le nkqubo ithatha iveki apho kubakho iindibano ezahlukeneyo ezenzekayo,
eziququzelelwe abantu abafuna iqonga lokwabelana ngezakhono zabo.

Le nkqubo ithiywe emva kukaTata uNelson Rolohlala Mandela neenzame zakhe zokudibanisa uluntu
lwaseMzantsi Afrika lube lunye, lubambane. Kulo nyaka ka-2018, le nkqubo izokuqala ngomhla we-
18 ukuya kumhla we-24 ka-July. ITrading Live yaqala ngo-2012 apho abafundi kwakunye
nabaphangeli baseRhodes banikwa ithuba lokuthatha inxaxheba ngokuncedisa kwiphulo lemizuzu
ey-67 apho uluntu lwenzelana iinceba.

Trainer teaching 3 Rhodes University Students how to get the maximum workout at the Rhodes University Health Suite, Rhodes University in Grahamstown, Eastern Cape. 29 July 2016. Here they were all focused on training their arms in the boot camp. Photo: Taylia Meese.

 

 

 

 

 

Emveni kokuqalwa koku, kwabonakala ukuba abantu abaninzi abathatha inxaxheba basuka
kwiindawo ezifumileyo, baze bahambe bayokuncedisa apho babona ukuba uncedo luyadingeka.
Nangona kulungile ukwenza oku, kwaqwaleseka ukuba le nto icala-linye. Abantu abasuka kwiindawo
ezifumileyo ngabo abasoloko benikeza ngezakhono zabo. Kwabalapho ke apho i-Ofisi encedisana
noluntu yase-Rhodes (Rhodes Uinversity Community Engagement) yangenelela khona, izama
ukubonisa ukuba wonke ubani unaso isakhono esithile angathi asabelane nabanye abantu. Le ofisi
yaze yaqala le nkqubo yeTrading Live ukuze wonke ubani abenethuba lokwabela isakhono sakhe
kwabo basidingayo kwakunye naye afumane elakhe ithuba lokwabelwa ngesakhono asidingayo,
ingabi yindlea ecala-linye.

Le nkubo iye yakhula kakhulu emva kwale minyaka idlulilelyo. Apho iindibano zokwabelana ziye
zidlule zibengaphezulu kwekhulu. Kulo nyaka uphelileyo iindibano bezingaphezu kwekhulu elinye
elinamashumi amahlanu (150). Apho ezi ndibano zahluke ukusuka kwabantu avaculayo, ekwenzeni
amayeza esintu, ekufundiseni abantu ngokuzikhusela nazo nezinye ezininzi.

Nangona iRhodes iyeyona ithatha inxaxheba kakhulu kule nkqubo, izikolo zaseRhini kwakunye
namashishini, iiNGO, nawo wonke ubani ongumhlali waseRhini uvumelekile ukuba afake isicelo
sokwabelana ngesakhono sakhe nesokucela uncedo, wonke umntu uvumelekile.

Ubudlelwane nesikolo sobuntatheli saseRhodes (School of Journalism and Media Studies) baye
baqalwa apho abafundi besi sikolo bencedisa ngokuthatha iifoto, iividiyo kwakunye nokubhala
ngeedibano ezahlukeneyo ezithi zenzeke. Abafundi ababhalayo, amabali abo aye apapashwe
kwiGrocott’s Mail,ze abo bafotayo bona kubekho umboniso apho kuboniswa iifoto kunye neevidiyo
abathe bazithatha.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.