NguTOLAKELE SILO

Beliphuphuma iholo iBB Zondani eRhini ngethuba usihlalo we-ANC wephondo leMpuma Kapa, u-Oscar Mabuyane, esungula iqela lokuqala lamavolontiya ephondo ngomhla wesithandathu kweyeKhala ku-2018.

Kumsitho wokufundisa ngomqulu wenkululeko, uMabuyane uchazele abantu ukuba lixesha lokuba umbutho wabo ubasebenzele. “Masingabi norhulumente okwaziyo ukubhatala ooceba kodwa abantu ababhatalwa,” utshilo uMabuyane, ememelela ukuba amalungu asebenzela umbutho wesizwe abeke abantu phambili kuko konke akwenzayo. Lo ngumqulu owamkelwa ngonyaka ka-1955 ngeenjongo zokuqokelela iimo abantu abaphila kuzo ukuze kubekho utshintsho kurhulumente wengcinezelo namanyathelo okuphucula iindlela zokuphila. “Masibhiyozele ukuqulunqwa kwalo mqulu wenkululeko ngokuzinikezela ekulweleni inguqu epheleleyo yoMzantsi Afrika,” utshilo uMabuyane.

Echaphazela kumba wokutshintshwa kwegama lale dolophu ibe yiMkhanda, uMabuyane umemelele ukuba umhlaba mawubuyele ebantwini bawo. Ukwenze oku ngokugxininisa kwindima eyadlalwa nguMakhanda kaNxele ekulweni amagwangqa ebonisa nokubaluleka kokuba le dolophu ithiywe ngeqhawe layo. “Nje ngokuba nisazi, uninzi lwabantu (abamnyama) belizwe lethu alunamhlaba ngethuba iqaqobana (labamhlophe) nje linomhlaba elawuzuza kookhokho balo abawubayo umhlaba. UMakhanda ke wafa enyanisekile kubantu belizwe lakhe,” utshilo uMabuyane.

Ekhankanya ukubaluleka kokuba i-ANC isebenzele abantu, uMabuyane ukugxininisile ukuba amavolontiya e-ANC mawaqhubekeke nelifa lamaqhawe afana noTat’ uMandela noMam’ uSisulu, abe nenxaxheba ayidlalayo kwinkululeko yesizwe.

Ngethuba lotyelelo lwakhe kule dolophu, uMabuyane undwendwele ikhaya lokugcina abantu abadala, i-Ethembeni Centre, umam’ uMahlakahlaka ogqiba i-100 leminyaka naye kulo nyaka kaMandela noSisulu kwakunye neqhawe lomdlalo wamanqindi uFundisile “kid Zanta” Kralo nathembise ukuba i-ANC isezokubuya izokunika imbeko kweli qhawe lomzabalazo.

UMabuyane ngethuba equlunqa intetho yakhe umemelele imanyano ukuze abantu bakwazi ukuwuthemba lo mbutho ngamazwi athi, “Masambeni siyosebenza, sisebenze umsebenzi we-ANC nowokukhulula abantu kwiimeko abakuzo, singahambi sidlala sithunyiwe”.

Comments are closed.