NguTOLAKELE SILO

Umbhali owaziwayo noyintshatsheli yoncwadi, uNjingalwazi uNcedile Saule ungomnye wabantu abasungule incwadi entsha kumnyhadala weLit-Fest, nevulwe ngokusesikweni ngumphathiswa uBulelwa Tunyiswa ngomhla wesibini kweyeKhala ku-2018 e-1820 Settler’s Monument, eRhini. Incwadi yakhe uLibambe Lingatshoni, uyichaza njengencwadi yothando edibanisa izinto ezimbini: iingxaki zomzi kwakunye nomba wokuphucwa kwabantu umhlaba wabo.

Phambi kokuba aqalise ukuthetha ngencwadi yakhe uSaule, ucebise ababhali ukuba mabafune uncedo ekubhaleni kwaye bathathe ixesha labo ukubhala incwadi ukuze bavelise umsebenzi onambithekayo. “Le ncwadi indithathe iminyaka eli-10 kodwa ndiyibhale nje kwinyanga ezintathu sele zimbini iincwadi endazibhalayo zapapashwa phambi kwayo.”

“Umlinganiswa oyintloko, uZithembile umfo wasemaZotshweni, utshata sele emdala nenkosikazi enguMthikazi. UMthikazi lo unembali yobugwenxa ebuntombini bakhe kwananjalo noZotsho ebufaneni bakhe. Abantu banezikrokro ngomtshato wabo. UMthikazi wayekhe wadlwengulwa.

“UZotsho nguye oyintloko nozis’ isonka etafileni kowabo. Oodade bakhe abaphangeli bonke. UMthikazi ufika emzini kukho inja enguKhethabakhe engahoywanga, afike ayithande kakhulu. Le nja isisinyanya salo mzi. Ngomona nangokucinga ukuba uMthikazi uzokwenza uZotsho angabahoyi, nanko udade boZotsho eyokugqogqa umntu onomntwana acinga ngokaZotsho. Uyafika uyamfota aze abonise uMthikazi. Ngomsindo, uMthikazi wala uZotsho ngefoni. Ngokuphendula, uZotsho umxelela ukuba into yabo abazange bayiqale ngefoni, ngoko ulinde ukuba athethe konke bejongene ubuso ngobuso.

“Ingxaki ikhula xa uMthikazi emka emzini ngenxa yale foto nokuxabana namadodakazi akhe. Uthi akufika kowabo, utat’ akhe, uTshawe, angakumameli konke akuthethayo ngomtshato wakhe ophelileyo ngelithi iinkomo zekhazi sewazitshabalalisa. UMthikazi uyawushiya lo mzi ahambe noKhethabakhe, aphele emehlweni.

“Kule ncwadi, uZotsho uvelelwa lulwazi lokuba omnye kubantu ababebulewe kwathathwa umhlaba wabo ngamagwangqa, ngutamkhulu wakhe. Ekugqibeleni, uZotsho uyawufumana laa mhlaba kwaye uMthikazi ubuyel’ emzini.”

“Ngale ncwadi ndirhalela abantu babuyele emakhaya bayokufunda ngemilibo yabo, izinto ezazisenziwa kwakunye nezazingenziwa bafune izizathu zoko. Ndikwavelisa ukuba umtshato uphela uphinde uvumbuluke xa uphehlelelwe ngento yekhaya, izinyanya ukutsho. Ngale ncwadi ndizenza idini lokunceda abanye ababhali kwaye ndiyakhuthaza ukuba abantu bandithumelele imisebenzi yabo ukuze ibenako ukupapashwa,” ugqibe ngamazwi atshoyo uSaule.

Comments are closed.