NguCHRIS TOTOBELA

Imozulu entle ebizole nasebukhweni bezinja ivumele abalandeli baphume ngobuninzi babo ngethuba bekugqityezelwa itumente yeXI Attackers eqale kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Le tumente idlalwe ngamaqela alishumi, arholise ngamakhulu amahlanu iqela ngalinye. Lamaqela aye ohlulwa kubini amahlanu kwicala ngalinye. Amaqela aphezulu amabini kwicala ngalinye aye adlulela kwimidlalo eyandulela amagqibela kaNkqoyi. IMaru ibethe oosotheko kwiipenaliti ngamanqaku amane kwamabini emva kokubambana ngenqaku elinye macala kumdlalo obunzima kakhulu.

Komnye umdlalo ISakhulutsha ibethe iSinqawunqawu ngenqaku elinye eqandeni. Kumdlalo wokubanga indawo yesithathu iSinqawunqawu ibethe iAttackers ngamahlanu kwamane amanqaku emva kokuba uphele umdlalo benkonye iqanda macala. Kumdlalo wamanqam iMaru idibene neSakhulutsha.

Lomdlalo uqale ngesantya esiphezulu kakhulu, omabini lamaqela efunza edabini. Bekucaca nje ngokuphandle ukuba kudibene ekudala zizondana. ISakhulutsha yophise kuqala emva kokuba uBongani Hashe exhume kakuhle engaphazanyiswa mntu wayibeka nje ngokulula ngentloko emnatheni lo bhola. IMaru izamile ukubuya ngamandla kodwa kwaphela isiqingatha sokuqala bengekabhalisi nto ebhodini.

Kwisiqingatha sesibini omabini, lamaqela enze utshintsho kwaye ecinezela ngamandla. ISakhulutsha iye yafaka uAndile “Torres” Bacela oye wangena wazenzela nje kubadlali beMaru ephakamisa izihlwele ngendlela beteya ngayo. Omabini lamaqela awafumene amathuba kodwa kwaphela umdlalo kungekho nguqu kumanqaku. ISakhulutsha iphumelele indebe namawaka amathathu logama iMaru igoduke newaka elinamakhulu amahlanu, ukuze yona iSinqawunqawu ihambe namakhulu amahlanu kuphela.

Umqeqeshi weSakhulutsha uSiyabonga Masinda uthe “ibintle kakhulu le tumente nooSompempe benze umsebenzi omhle, sivuyela nale mpumelelo. Le tumente kuthi ibeyintuthuzelo kuthi nanjengoko saphumelela ileague ka 2013/2014 kodwa zange safumana nto kude kube namhlanje. Ziluncedo kakhulu itumente ezikumila kunje” utshilo uMasinda.

Othethela iMaru uSiya Mize uthe “ubunzima kakhulu lomdlalo kodwa ke sizamile kakhulu, akukho lula ukudlala neSakhulutsha nanjengoko iliqela eliluqilima kodwa ke siyavuyisana nabo ngalempumelelo.”

Umdlali oye wangumdlali obalaseleyo kulo wamanqam uLuthando Booi uthi uzame konke okusemandleni akhe ukunceda iqela lakhe liphumelele lomdlalo kwaye uchulumancile yindlela aqhube ngayo. ULundi Xabanisa uye wachongwa njengomdlali wetumente, nto leyo ebangele ukuba angawuvali umlomo luvuyo. Umphathi qela weAttackers uAfrika Adam ubulele onke amaqela athathe inxaxheba kule tumente kwanabalandeli abaphume ngobuninzi babo.

Bongani Hashe the goal scorer and captain of Sakhulutsha collecting the winners’s trophy and the prize money.
Photo: Supplied
Lundi Xabanisa, player of the tournament, with Andile Poswa, tournament organiser.
Photo: Supplied

Comments are closed.