NguCHRIS TOTOBELA

Ibiyimpelaveki emnandi kakhulu kubalandeli bebhola nanjengoko imibombo ibijongiswe kumabala ezomkhosi wokhuselo lweli. IManchester yaseMnyameni ibimele lengingqi yethu yeSarah Bartmaan kukhuphiswano oludibanise zonke iintshatsheli zeengingqi zeleague yeSAB eziphuma kulo lonke eliphondo lweMpuma Koloni. NgoMgqibelo umhla we-16 kweyeSilimela, IManchester idlale neAmavarara yaseQonce kumdlalo ubunzima kakhulu. Amavarara ahlasele zisuka nje awafuna tu uqhelisela logama yona iManchester ibinqanda amanzi engena endlini yade yohlwaywa ngenqaku ekutshintshwe amacala ililo lodwa.

IManchester ibuye sele ivutha bhe kwisiqingatha sesibini yankqunkqa ibuyelela ezipalini yade yafumana inqaku sekusele nje imizuzu elishumi elinesihlanu uphele umdlalo. Emva koko iye yacinezela ngamandla kodwa kwanzima ukufaka inqaku. Umdlalo uphele lamaqela entanganye ngenqaku. NgeCawa IManchester ivuke iphantsi koxinezelelo olumandla nanjengoko bekufuneka iphumelele imidlalo yayo ukuze ibekwindawo entle. Idibene neHappy Movers yaseMthatha kumdlalo abawulawule usuka kumzuzu wokuqala ukuya kowokugqibela kodwa ababhalisa nto tu ebhodini. Uphele umdlalo belingana ngeqanda macala. Umdlalo wabo wokugqibela bawudlale neMadibaz nalapho benze iimpazamo ezininzi ezikhokelele ekutywatyushweni kwabo ngamanqaku amane kwelinye, abe kanti ayaphalala amazimba ngolohlobo.

Umqeqeshi wabo uBongani Babana uthe “siqale kakuhle kakhulu kuletumente kodwa sabethwa kungakwazi ufaka amanqaku. La midlalo mibini yokuqala ibathezile abadlali kakhulu nanjengoko sibonile ukuba bakhawuleze badinwa. Konke esikufunde apha sizokusebenzisa ukuphumelela xa siphinda sidlala imidlalo yethu yeLeague. Sibulela wonke umntu osixhasileyo apha kule midlalo” utshilo uBabana. IBirmigham City yaseMonti neAmavarara yaseKomani zigqibe njenga wona maqela aphezulu kuletumente ngamanqaku alithoba kwakunye nesixhenxe ngokulandelelana kwawo kwaye awabethwanga omabini kule tumente. Adlulela kwiLeague yeABC Motsepe.

Manchester players from Alexandria put pressure on an Amavarara player. Amavarara finished
second in the weekend tournament and gained promotion, while Manchester languished at the bottom – despite a spirited fight on Saturday that saw them achieve a one-all draw with the Queenstown side.
Photo: Sue Maclennan
Manchester’s midfield general Mawande Madilaki looks for support.
Photo: Sue Maclennan
An Amavarara defender holds off a Manchester attacker during Saturday’s match. Photo: Sue Maclennan

Comments are closed.