NguTOLAKELE SILO

UTsepiso Nzayo, oyinzalelwane noliqhula elaziwayo apha eRhini kunye noMuthumini Managa, ongumfundi kwiYunivesithi yaseRhodes bebephakathi kwamawaka eembaleki kumdyarho weComrades Marathon ngeCawe, umhla we-10 kweyeSilimela 2018.

IComrades Marathon, nekunyaka wama-93 kulo nyaka, ngumdyarho obalekwa ngabantu rhoqo ngonyaka ukusukela ngonyaka we-1921. Iimbaleki ziye zibaleke ixesha elingadlulanga kwiiyure ezili-12 ubude, ukusuka kwidolophu yasePietermaritzburg ukuya eThekwini, eNatali. Lo mdyarho, nongowona umkhulu kwaye umdala elizweni jikelele, uziikhilomitha ezingama-87 ukuya kwezingama-91. Abantu abathatha inxaxheba kulo mdyarho ngabakhe baphumelela umdyarho weekhilomitha ezingama-42, 2 nangaphezulu ubude kwiiyure ezintlanu, beneminyaka engama-20 ukunyuka. Kulo mdyarho, iimbaleki kumele zidlule ngexesha elibekiweyo kwiindawo ezithile ukuze zibe nako ukuqhubeka nomdyarho.

“Awekho maninzi amanina abalekayo eRhini, siyadinga ukuba sikhuthazane siqeqeshane hayi ukwehlisa umzimba kuphela kodwa nje ngendlela yokutshintsha indlela yokucinga,” utshilo uManaga okholelwa ukuba ukubaleka kutshintsha ingqondo yomntu. UManaga uyekiswe ukubaleka emva kweekhilomitha ezingama-68. 87 ngokufika kwindawo ebekiweyo emva komzuzu omnye onesiqingatha (01:12) lidlulile ixesha lokuqhubeleka nomdyarho. UManaga ebewubaleka lo mdyarho emva kokugaxeleka engozini kwiiveki ezintathu phambi kwawo.

UNzayo uphumelele imedali yebronzi, kwixesha elingaphantsi kweeyure ezilishumi (09:21:32). Noxa phakathi naphakathi kulo mdyarho aye wacetyiswa ukuba arhoxe ngenxa yomonzakalo osedolweni, uNzayo khange avume ‘de wayokugqiba ejingxela enjalo. “Bekunyanzelekile ndanelise iphupha lam lokugqiba kuba ukuba bendingenzanga njalo, bendinokufana nje nodlalileyo ngexesha, umbono kunye namandla am,” utshilo uNzayo.

“Kwimidyarho efana nale kuvame ukuba abantu abathatha inxaxheba benzel’ ukuxhasa iNon-Governmental Organisations (NGOs) zabelungu, ezam iinjongo zezokuxhasa abantu abatsha kwaye abamnyama,” utshilo uNzayo nothathe isigqibo sokuba kwamdyarho awubalekayo imali axhaswe ngayo iya kuya kule-NGO.  UNzayo oyimbaleki yeReal Gijimas Athletic Club, ubebalekela ukuxhasa ii-Unako Community-Based Movement (Unako CBM) yaseBhayi. Le NGO iyilelwe ukuphucula imfundo kubantwana bezikolo zamabanga asezantsi nabakumabanga aphezulu kummandla waseBhayi naseCala.

“Masiyekeni ukukhalaza, masenzeni izinto ezixhamlisa abantu bethu, sinako ukudlala indima ekuphuculeni nasekutshintsheni iimpilo zethu neendawo esihlala kuzo sisebenzisa iitalente nexesha lethu, utshilo uNzayo. Zombini ezi mbaleki zizimisele ukuphinda zibe yinxalenye yalo mdyarho kulo nyaka uzayo.

Abantu basenokuxhasa uNzayo ngemali esuka kwiR100-R1 000 kwezi nkcukacha zilandelayo:

Igama le-akhawunti: Run With Tsepiso

Inombolo ye-akhawunti: 62748176478

Tsepiso Nzayo getting off the mark for the 2018 Comrades Marathon.
Photo: Supplied
Tsepiso Nzayo Standing with his participation medal.
Photo: Supplied

 

Muthumini Managa taking part in the 2018 Comrades Marathon.
Photo: Supplied

Comments are closed.