NguCHRIS TOTOBELA

Abalandeli bebhola badele ingqele ibiqhaqhazelisa amazinyo bafika bezokubukela imidlalo ibiqhubeka eJD Dlepu Stadium ngempelaveki. NgoMgqibelo iNewseekers itsalele iSophia Stars engakhange ifike ebaleni, logama yona iLove and Peace ibethe iNewtown City ngamanqaku amabini kwelinye. IJacaranda Aces itywatyushe iMakana Pillars kabuhlungu ngamanqaku amahlanu kwelinye. NgeCawa iSophia Stars itsalele iNewtown City engafikanga, yaze iJoza Callies neJacaranda Aces zabambana ngembande yesikhova.

Kumdlalo wamagqibela kaNkqoyi, iCity Pirates ekhokelayo okwangoku kwiMakana LFA ibijongene nqo neYoung killers. Umdlalo uqale kakuhle kakhulu omabini lamaqela efunza edabini efuna ukonzakalisana. Omabini lamaqela afumene amathuba kodwa kwanzima ukuwasebenzisa. IPirates yophise kuqala emva kwebhola entle egotywe kwiphiko lasekunene yafika uMalibongwe Hempe eme yedwa, wayibeka nje kakuhle esigcawini lo bhola.

Kutshintshwe amacala ikhokela ngelo nqaku IPirates. Ibuye yaqinisa ngamandla iKillers kodwa yabanjwa ingacingelanga ngelinye inqaku elibethwe kakuhle ngentloko nguMandilakhe Ntsendwana emva kwempazamo kanozinti. IKillers izamile ukucinezela yaze yafumana inqaku, nto leyo ecaphukise IPirates yabuya ngamandla yafaka elinye inqaku emva komdlalo omhle esuswini, oye wagqityezelwa ngenqaku elihle likaMandilakhe Ntsendwana. IKillers iphinde yangenelwa ngamanzi endlini emva kokuba umdlali wabo wangasemva ebambe ibhola ngesandla ebhokisini baze bohlwaywa nguSompempe. Ukapteni we Pirates uNkululeko George khange atatazele wayivalela phakathi nje ngokulula lo bhola. Umdlalo uphele IPirates iphumelela ngamanqaku amane kwelinye.

Comments are closed.