NguCHRIS TOTOBELA

Kwezi mpelaveki zimbini zidlulileyo ibe mbalwa kakhulu imidlalo xa kuthelekiswa nendlela ebekukade kuyiyo. Okokuqala ileague yeSAB ivalile kodwa ke eyona nto ebenegalelo elikhulu kulemeko kukunqunyanyiswa kwamaqela athile kwi-league yeMakana LFA. ICameron, Golden brothers, Grahamstown united, Santos neShining stars zinqunyanyisiwe emva kokuba zitsalelwe imidlalo eliqela.

Umphathi welinye lala maqela anqunyanyisiweyo ongafunanga ukuchazwa kuba esoyikisela ukuxhatshazwa uthe “ewe sinqunyanyisiwe kodwa ndicinga ukuba ngowuphethwe ngcono kakhulu lo mcimbi ngabaphathi. Zininzi izinto ezibalulekileyo bebenokuqala ngazo ezinjengezi, umgangatho ophantsi wooSompempe, ukuhla kwezinga lebhola, ukudlala kwabadlali bephantsi kweempembelelo zotywala nezinye iziyobisi. IRiebeck City itsalelwe izihlandlo ezininzi nayo kodwa abenzi nto ngalonto, uyicacisa njan lonto? Kukho amaqela adlala enxibe imibala emithathu nane eyohlukileyo xa edlala, nto leyo echasiweyo yimithetho yebhola kodwa abaphathi bayakhetha ukuba yeyiphi imithetho ekufuneka ilandelwe”.

Igosa elingusihlalo wekomiti yokhuphiswano nokwangusekela mongameli weMakana LFA ucacise wenjenje  ngale nyewe “siwabhalele lamaqela sawatyityimbisela umnwe emva kokuba etsalelwe imidlalo emibini kodwa aye aphinda atsalelwa, ntoleyo ke ebangele ukuba siwanqumamise. Ukuba awaxolanga anelungelo lokubhena. Umcimbi weRiebeck City wona wahlukile nanjengoko saye samisa imidlalo yabo logama sasizama ukulungisa umcimbi wabo. Siyaphinda siyadibana kungekudala apho sizakuxoxa nanga lamanqaku ebesele ezuziwe kulamaqela anqunyanyisiweyo, kuko konke endinokuthetha okwangoku” utshilo umnumzana Tsotsa.

Nazi iziphumo zangoMgqibelo: Jacaranda Aces ibethe iSophia Stars 4-2. Joza Callies ibethe iMakana Pillars 2-0. Future stars ibethe Love & Peace 2-0.

Ngecawa: Joza Callies ibethe Sophia Stars 4-2. I Jacaranda Aces ibethe Love & Peace 3-0. I Newtown City ibethe Riebeck City 3-2. I Newseekers ibethe iMakana Pillars 3-1.

Comments are closed.