NguCHRIS TOTOBELA

Abalandeli bebhola badele ingqele biqhaqhazelisa amazinyo bafika ngobuninzi ngeCawa bezokungqina kumdlalo omkhulu wamaqela aphezulu. ICity Pirates yamkele iRiebeck City yaseHoloholo ehleli kwindawo yesithathu kumanqwanqwa eMakana LFA. Omabini lamaqela abonise zisuka nje ukuba awazanga uzopuca kodwa azokulwa. ICity Pirates esathe ngcu phezulu okwangoku icinezele ngamandla yalawula umdlalo yabhaqa ithuba lokuqala kulomdlalo kodwa imbumbulu yefolosi yabo igudle nje kancinci ecaleni kwepali.

IRiebeck City bifumbe emva izama ukuhlanganisa kodwa iye yabhaqwa ibukele ibhola ebisuka kwicala lasekunene ethe yadibana nentloko kaSinathi Matiwana wayibeka emnatheni ebeka iqela lakhe phambili ngelinye eqandeni. IPirates inkqunkqe ibuyelela kwiipali zeRiebeck yaze yaphinda yafika abadlali bangasemva beRiebeck belele ngethuba uNkosinathi “Magic” Mpumlo ebashiya ngemva waze wayivalela phakathi ngokulula nje lobhola esandisa amanqaku eqela lakhe.

Kuyiwe ekhefini IPirates ihamba phambili ngamabini eqandeni. Ibuye yacinezela ngamandla IPirates kodwa kwanzima ukongeza amanqaku ayo. Iye yabanjwa kabuhlungu ihlasele yonke yashiya uKamvelihle Kondile yedwa oye wabohlwaya wabashiya ngethuba efaka inqaku ecutha ityala leqela lakhe. Ibe nguwashiywa nowashiywa amaqela omabini ebonisa ezozihlwele ibhola entle nangona burhabaxa lomdlalo. ULeon Pieterse uwele nje kancinci esazulwini sebala wabetha impundulu, unozinti wePirates uve ngabalandeli ba ingenile lobhola ephakamise yamisa ngenyawo bonke abathanda into entle.

Uye wechatha ubunzima lomdlalo nanjengoko omabini lamaqela ebefunza edabini efuna inqaku lempumelelo. Bebexakeke ngeyona ndlela oonozinti kula mizuzwana yokugqibela bavuya kakhulu xa besiva uSompempe ephelisa umdlalo. Onjani wona ukubamhle umdlalo ozakunkqonkqoza nakanjani njengomdlalo wonyaka. Umqeqeshi weRiebeck City khange akwazi ukuzibamba luvuyo wathi emva komdlalo “bunzima lomdlalo umhle kodwa besizilungiselele. Size apha sifuna onke amanqaku kodwa ke ucuntsu akafani nocwaka. OoSompempe abawuphethanga kakuhle umdlalo kodwa ke yinto esoloko isehlela leyo rhoqo xa sidlala apha” utshilo uDavi Romani.

Umqeqeshi wePirates uLoyiso Plaatjie uthe “bumhle umdlalo kwaye bekufuneka siwugqibe kwisiqingatha sokuqala kodwa ke asakwazi. Lamakhwenkwe am aye anemincili aze ohlwaywa nto leyo endicinga ukuba afundile kuyo” utshilo oka Plaatjie. Kubekho umbhodamo emva komdlalo ngethuba abalandeli baseHoloholo bengena bengxamile ebaleni bonda ngooSompempe bevakalisa ukungaxoli kwabo kodwa ikhawuleze yanqandwa lonto kungekho namnye owonzakeleyo.

Comments are closed.