Saturday, September 21

The direct translation of this is that “to disrespect the home that has no a dog” . The meaning is that people say whatever they want if there are no consequences and  mostly refers to bullies. Please stop bullying

Kuye kutshiwo xa umntu kubonakala ukuba yena usoloko elungile nokuba iimeko azimvumeli ukuba
makabe njalo. Ezikolweni esifunda kuzo nezo sasi funda kuzo kukho abanye abantwana abadelela
abanye kuba bebona ukuba kunzima nokundwendwela komzali esikolweni noko nje ebiziwe.
Beve xa bethetha ngaye lowo uli lunga phofu engayanga kukha mbotyi, esiva. Naye ke esoloko
engafuni nokuphendula kuba oko kungamzela nento eninzi yokuthetha ze kuthi xa kwenzekile
abafundisi ntsapho bathe bafuna ukuyi qonda le meko, iphume naye kungenjalo kufuneke ukuba aye
kubiza kwa lo mzali wakhe.

Noko nje le meko yokudelelana kwabantwana nokuba kuse sikolweni okanye apho bahlanganela
khona njenga bantwana ikho kwiintlanga zonk, akukho luhlanga lubonakalisa ukuyikhuthaza. Ngenxa
yokulunga komntwana kakhulu asuke abe lilolo nto leyo engathandekiyo kuye uphela engena
amaqumrhu olahlekiso anjengawe ziyobiso kodwa abanye basuke bomelele bafunde iincwadi
kakhulu baze bapase emagqabini, nto leyo endingayi khuthazayo mna.

Kusithiwa nje ungumzi ongena nja kukuba akana zihlobo zino kumthethelela xa abanye bemgezela.
Aya kuyazi amaXhosa intetho ethi ithafa elingena ngxangxosi liba sisisulu seenyoka. Iingxangxosi
ziintaka ezitya iinyoka zona. Izinja ngabakhuseli bekhaya iingxangxosi zikhusela ithafa

By D.J.Mpupha

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.