NguCHRIS TOTOBELA

NgoMgqibelo umhla we12 kuCanzibe,  iNtsika Senior Secondary School ibisindleke itumente yezikolo, apho bekuqhubisana zontandathu ezalapha ekhaya izikolo. INombulelo neKutliso ziye zafaka amaqela azo amabini ukwenzela ukuba abe sibhozo amaqela.

Nazi iziphumo zesigaba sokuqala sokukhiqana. Kutliso-B 2 – 1 Nombulelo-B, Mary Waters 2- 0 Ntsika, Nombulelo-A 1 – 0 Nyaluza-A . ITEM Mrhwetyana idlulele kwisigaba esilandelayo emva kokuba iKutliso iye yarhoxisa iqela layo lesibini ukonga ixesha. Kweyandulela owamanqam, iKutliso ibethe iMary Waters ngamanqaku amabini kwelinye. Komnye umdlalo iNombulelo idlulele kowamanqam emva kokukhutshwa kweTEM Mrhwetyana efunyaniswe idlalise umdlali ongafundiyo.

Kumdlalo wamanqam obunzima nobu mnandi kakhulu, iKutliso ibethe iNombulelo ngamanqaku amathathu kwelinye. IKutliso iphumelele indebe namakhulu asibhozo eerandi, logama yona iNombulelo ifumene amakhulu amane kuphela. Umqeqeshi weKutliso owaziwa ngelika Mandi uthe emva kwalo mdlalo “ndiyavuya kakhulu yilempumelelo kuba kudala singadlali kuba kungekho khuphiswano lwezikolo apha. Abadlali bam badlale kakuhle kakhulu”.

Umphathi wezemidlalo eKutliso uVuyiswa Mthetho uthe “ndivuya kakhulu yilento eyenziwe ngala makhwenkwe kwaye ndiyazingca ngawo. Ndizimisele ukwenza nantonina ukuqiniseka ukuba ayaqhuba nalomdlalo bawuthanda kakhulu” utshilo uMthetho. Umququzeleli waletumente uFundisile Mgoqi uthe “yonke into ihambe kakuhle kakhulu apha namhlanje kwaye ndixolile yinto yonke. Le tumente izakubakho rhoqo kuzo zone izigaba zonyaka zesikolo. Sicinga noba izikolo zethu zidlale rhoqo ngooLwesithathu uzama uzigcina zisoloko zidlala ngalo lonke ixesha”.

Ntsika defender clears the ball out of his half with a solid header.
Photo: Xolisa Jodwana
Mary Waters handle the pressure against Ntsika.
Photo: Xolisa Jodwana
Ntsika and Mary Waters both look to regather the ball in the air.
Photo: Xolisa Jodwana

http://www.grocotts.co.za/2018/05/18/ntsika-hosts-soccer-day/

Comments are closed.