NguCHRIS TOTOBELA

Ngomgqibelo umhla we-21 kuTshazimpunzi, i-City Pirates ekhokelayo kwi-league ye-Makana LFA, ibiqubisene ne-Santos kumdlalo obumnandi ngeyona ndlela, oye waphela lamaqela ebambene ngenqaku elinye macala.

Kowona mdlalo otsale umdla wabalandeli bebhola, i-Eleven Attackers isindleke iMaru kwidabi labakhaya kumdlalo wabo we-SAB Regional League eJD Dlepu. Umdlalo uqale ngesona santya siphezulu, amaqela omabini ezama ucacisa zisuka nje ukuba azimisele ukuwuphumelela lomdlalo. I-Maru iye yawulawula umdlalo kula mizuzwana yokuqala yaze yaphantse yafaka inqaku emva kokuba imbumbulu yomnye wabadlali bayo iye yaqabela nje kancinci phezu kweepali. I-Attackers iye yabuya kancinci kulomdlalo yaqala yazama ucinezela ifuna inqaku.

Uburhabaxa lomdlalo nanjengoko bekulindelekile xa iyimfazwe yabakhaya. UNako Maneli usinde ngezika sibi ngethuba ezibuyisela emva kokukhatywa kwakhe kakubi ngumdlali we-Maru, kodwa ke uye wafumana nje ikhadi elityheli. Omabini lamaqela ankqonkqozile ezipalini kodwa kwala uvuleka. Kuphele esokuqala isiqingatha kungekho nqaku.

Abuye awuxhoma nangakumbi umgangatho lamaqela kwisiqingatha sesibini abukelisa ezo zihlwele bezigcwalise i-Dlepu. Umdlalo ubumhle kakhulu kodwa ukungxama phambi kweepali kubangele ukuba kubenzima ukufaka inqaku. I-Attackers iye yophisa kuqala kushiyeke nje imizuzu engamashumi amabini kuphele umdlalo. Emva komdlalo omhle oqale esuswini onyanzele impazamo kumdlalo wangasemva we-Maru oye washiya uSiyathemba “Stone” Melitafa ejongene nqo nonozinti wayibeka nje ngokulula emnatheni lo bhola ebeka iqela lakhe phambili. I-Maru khange inikezele tu nanjengoko iye yacinezela ngamandla ifaka i-Attackers phantsi koxinezelelo olumandla kodwa ayavuleka tu imbobo. Umdlalo uphele iphumelela i-Attackers ngenqaku elinye eqandeni.

U-Siyathemba Melitafa uthe emva kwalo mdlalo “ndiyavuya kakhulu ufaka inqaku lempumelelo kwaye ndibulela iqela lam ngokundithemba emva kokungakwazi uzilolonga nabo kuleveki ngenxa yomkhuhlane, andibalibelanga nabalandeli abagcwalise eli bala ndiyababulela nabo”. Umphathi qela we-Attackers u-Afiika Adam uthe “namhlanje ndibone umdlalo omhle kakhulu obonakalise italente yalapha ekhaya, kuyaqala ezimbalini ukuba uphele lomdlalo kungakhange kuphume ikhadi elibomvu. Ndibulela abahlali baseJoza ngohlala begcwalisa elibala benika inkuthazo ebantwaneni, I-Attackers soloko iziva isekhaya xa ilapha ngenxa yenkxaso yabo. Siphumelele namhlanje kodwa kusafuneka siqinise pha napha”. Ibambela mqeqeshi le-Maru u-Tanduxolo Matebese uvakalise ukudana emva kokubethwa kulomdlalo wathi “ubunzima kakhulu lomdlalo kodwa ke siwafumene amathuba nathi qha asikwazanga ukuwasebenzisa. Senze lampazamo emva yaze i-Attackers yasohlwaya, kunye ngoku okuseleyo kusebenza nzima sizilolongele le ezayo imidlalo. Ndiyabavela abadlali bam ngoba akukho lula ukubethwa imidlalo emithathu ilandelelana kodwa nabo kufuneka bazame ukunyusa umxakatho”.

Umdlali oye wangoyena mdlali ugqamileyo kulomdlalo uthe emva kwalo mdlalo “ndivuya kakhulu emva kokuba side sayibetha i-Maru nangona ubunzima kakhulu lomdlalo. Siye sasebenza kakhulu ngezindawo zibuthathaka kuzo. Ndihlala ndizimisele kuyo yonke imidlalo kwaye ndiyawuhlonipha kakhulu umdlalo webhola nanjengoko ndinqwenela uzibona ndidlala kudidi lwabahlawulwayo ngenye imini.”

Nge cawa iNewtown City ibethe iFuture stars ngamanqaku amathathu eqandeni kumdlalo wabo we-league ye-Makana LFA. Kumdlalo wesibini i-Sakhulutsha yamkele i-Manchester yaseMnyameni kumdlalo we-SAB Regional League, kodwa ngelishwa iye yabethwa ngamanqaku amabini eqandeni.

XI Attackers look good with their passing game.
Photo: Xolisa Jodwana
Maru midfielder being surrounded by XI Attackers defenders.
Photos: Xolisa Jodwana
Maru fail to get past the defence of XI Attackers.
Photos: Xolisa Jodwana
XI Attackers midfielder looks to beat the Maru defence.
Photo: Xolisa Jodwana
Maru winger looks to cross the ball onto his awaiting striker.
Photo: Xolisa Jodwana
Sakhulutsha striker intercepts the ball from an attempted cross by Manchester.
Photo: Xolisa Jodwana
Sakhulutsha and Manchester players prepare for an aerial battle.
Photo: Xolisa Jodwana

Comments are closed.