Ayikho into enzima njengokubhala ngomntu ofunde kakhulu, kunye nomntu osebenza nzima. Nangona ufuna ukushwankathela zonke izinto azizuzileyo, kubanzima kuba okokuqala, ziye zibeninzi izinto azizuzileyo, okwesibini ziye zibaluleke zonke ngokulinganayo. UZakeera Docrat ngomnye wabantu abafunde kwade kwabanzima ukushwankathela xa uthetha ngabo. Okungathethwanga ngaye apha akuyokuba akubalulekanga kungokuba kunzima kakhulu ukumshwankathela, singabhala kuse.
UZakeera uzifumbethe zantathu izidanga zakhe apha eRhodes University, waqala ngeB.A, walandela ngeBA Honors aziphumelele ngodidi oluphezulu, iLLB kunye nasidanga seMA esihloko sithi ‘The role of African languages in the South African legal system: towards a transformative agenda’ asiphumelele ngodidi oluphezulu naso. Ungumcedisi-mhlohli kwisifundo esitsha esingolwimi kunye nomthetho, ukwalilo nelungu le-Rhodes University Language Board.
Nasekubhaleni akanqabanga kuba zininzi kakhulu izinto athe wazibhala ubuninzi bazo zithetha ngeelwimi zesiNtu kunye nokubaluleka kwazo kwimimandla ephakamileyo. Kwezinye zezo zinto azibhalileyo singaquka ezi zingezantsi:

Articles/Journals.
Country is caught up in a rip tide of English. NguRUSSELL H KASCHULA AND ZAKEERA DOCRAT
Meaningful engagement’: Towards a language rights paradigm for effective language policy implementation. NguRUSSELL H KASCHULA AND ZAKEERA DOCRAT.
Languages aren’t racist, people are. NguRUSSEL KASCHULA; ZAKEERA DOCRAT AND MONWABISI
Litigating multilingualism. NguRUSSELL H KASCHULA AND ZAKEERA DOCRAT

Kunye namanye amanqaku amaninzi. Ungomnye wabantu abaseka iwebhsayithi ekuthaza ukusebenzisa iilwimi ezininzi eRhodes University. Usebenze ngokuzimisela kule webhusayithi ukususela ngonyaka ka2014 ukuyoma ku2018. UZakeera ungomnye wabafundi abakhe bothula iintetho kwiingqungquthela ezifana neCLASA. Ungumntu ohlale ahlale atyelele amanye amazwe ethetha kwiingqungquthela ezohlukileyo ngokubaluleka kweelwimi zesiNtu.
Akakalulahli usiba kuba kugoku lo kaDocrat wenza isidanga sakhe sesine se-phd usazimisele ukusebenza nzima ekuphuhliseni iilwimi zesiNtu eAfrika nakwilizwe lonke jikelele.

Sue Maclennan

Local journalism

Comments are closed.