By CHRIS TOTOBELA

Bekugcwele kuthe qhu eJD Dlepu ngeCawa kuyokubukelwa imidlalo emibini enzima ye-SAB Regional League. Kumdlalo wokuqala i-Sakhulutsha ilahle ukukhokela kwayo ngama -nqaku amabini eqandeni ngethuba bihlangene ne-Young Pirates yaseCawa. I-Sakhulutsha ivumele i-Pirates ukuba ibuye sele isilela ngemva ngamanqaku amabini, yaphela iphumelela ibetha iqela lasekhaya. I-Sakhulutsha bifumene ithuba lokuwuphumelela lomdlalo kodwa ukaptein wabo uye waphosa i-penalty nto leyo ebangele ukuba boyiswe ngamanqaqu amathathu kwamabini yi-Pirates. Kowona mdlalo ubujongwe ngamehlo abomvu i-Maru yamkele i-Manchester yaseMnyameni. Lomdlalo uqale ngezinga eliphezulu kakhulu ileli iqela lifunza kwelinye. I-Manchester ikhe yanethuba lemizuzu elishumi nesihlanu ilawula umdlalo kodwa ayakwazi usebenzisa loo mathuba ewenzileyo.

I-Maru ibuye ngamandla emva koko kodwa nayo kwanzima ubhalisa. Ibiliqanda macala ukuphela kwesiqingatha sokuqala. Kuye kwanzima kakhulu kwisiqingatha sesibini, omabini lamaqela ethathisa apho ebeshiye khona. Kubalandeli awo omabini. bekunzima ukuzinza nanjengoko lamaqela ebebonisa umdlalo omhle kakhulu. I-Maru iye yafumana ilishwa ngethuba omnye wabadlali bangasemva eye wakhutshelwa ngaphandle ebaleni emva koku fumana amakhadi amabini atyheli. Kubengathi akwenzekanga nto kwi-Maru yankqunkqa ibuyelela kwiipali ze-Manchester kodwa ngelishwa baye baqutyulwa emva kokungathethi komdlali wangasemva nonozinti, ntoleyo enike uZolani Sonandzi ithuba lokudlula kubo bonke wafaka inqaku kungekho mntu ezipalini, ebeka i-Manchester phambili.

I-Maru iye yazama kakhulu ukucinezela ifuna ulinganisa amanqaku kodwa ngelishwa laphela ixesha ibethwa ngenqaku elinye eqandeni. Umqeqeshi we-Manchester uBongani Babana uvuye kakhulu yilempumelelo wathi “ubunzima lomdlalo kodwa ke siyifumene eyona nto besiyizele apha kwaye khange sime sihlasele umdlalo wade wophela. Ndicinga ukuba sinalo ithuba lokuphumelela i-league kodwa sizothi chu umdlalo ubemnye ngexesha”. U-Tanduxolo Matebese olibambela mqeqeshi we-Maru ebengaxolanga kakhulu zezi ziphumo wathi “ayamkelekanga into yokuba kungene inqaku elinje kuthi kulo mgangatho sikuwo ngakumbi kwixesha elinzima kangaka le-league. I-Maru liqela elikhulu kwaye ukubethwa imidlalo emibini ilandelelana akuvumelekanga kwiqela elifana nathi. Ukungaziphathi kakuhle kwabadlali kokunye okungunobangela walemeko esizibhaqa sikuyo, kodwa ke sizozama ukuphumelela le eshiyekileyo imidlalo ukuze sivale sikwindawo enesidima kwi-league”.

Comments are closed.