UBabalwa Resha uhleli phezu kwemoto yakhe eyintanda, iNissan 1400. Le moto yayikade iziintsimbi ezahlukeneyo eziboqokileyo ze yakhandwa yangumqabaqaba ngutata wakhe ongumakhenikha, uSindisile Resha. Umfanekiso: Philasande Mfaba

Umfundi weeMastazi kwiYunivesithi iRhodes, uBabalwa Resha waphantse walahlekelwa yimoto yakhe ekukuphela kwayo kulo nyaka uphelileyo ngenxa yamasela eemoto awavula imoto yakhe engekho. UResha uthi wayeyishiye kwenye yeendawo zokumisa iimoto eRhodes imoto yakhe, wothuka xa efika kukho isitshixo esophukele elucwangweni lwayo. Wasinda ngokulambisa nanjengoko kwakucaca ukuba la masala akwazile ukungena ngaphakathi emotweni ze akhangela anokukweba. Ngethamsanqa, kwakungekho nto yaxabiso ngaphakathi emotweni. Bafumana nje izitshixo zendlu yakhe.

UResha uthi esi siganeko senzeka ngorhatya, ze wavuka yena ngentseni elandelayo waya kumakhenikhi wakhe, uSinethemba Mbongwana owamcebisa ukuba athenge izitshixo ezibizwa ngokuba zii-universal keys/isolex system ukuze akhusele imoto yakhe, ingavulwa nangubani. I-universal key sisitshixo esiqhelekileyo esihamba nesixhobo sentsimbi esincinci nesithi sifakwe elucangwenu lwemoto yakho. Esi sitshixo sikhuseleke kakhulu kuba sona sifana sodwa futhi akululanga ukuba ubani aye kusisikisa. Ngokokutsho kukaMbongwana, akubilula ukuba amasela ayivule ngocingo okanye ngesinye isitshixo imoto yakho xa uyitshixa nge-universal key.

UMbongwana uthi amasela eemoto azigade nangakumbi iimoto ezingumhlobo-mdala kuba zisebeka lula zona. Ukwathi ezi moto zingatshixwa ngarimowuthi zebeka lula kuba ootsotsi bayakwazi ukusikisa izitshixo zazo.

“Ootsotsi ke bayakwazi nokusibeka kwisephu. Mhlawumbi ebeqhuba imoto yakho, asifake kwisephu ogqiba ayokusisikisa isitshixo esi sayo wena ube ungazi. Kulula ke ngoku ukuba imoto yakho inokwebiwa,” utshilo uMbongwana.

Utsho ecebisa ngelithi abantu mabazame ukufaka ii-alam okanye izixhobo zokukhangela umkhondo wemoto. Uthi abo bangenamali yokuthenga ezi zixhobo, bangasebenzisa isitshixo sevili lokuqhuba (isteringi) okanye esegiya. Oku kunceda ukuba athi nokuba umntu seyiqhekezile emotweni yakho angakwazi ukuyiqhuba kuba igiya le okanye isiteringi sitshixiwe. Enye into encedayo kukuba isitshixo segiya okanye esesiteringi sohlukile kwesocango lwemoto yakho. Loo nto yenza ukuba kubenzima ukuba imoto yakho yebiwe, nokuba umntu sele ekwazile ukusikisa isitshixo socango lwayo.

UMbongwana uthi ezinye zeempazamo abantu abazenzayo, nezibeka iimoto zabo emngciphekweni wokwebiwa kukuba umntu alibale ukuyitshixa imoto emva kokuba ephumile kuyo. Ukwathi abantu mabaqiniseke ukuba iimoto zabo bazilalisa ezindaweni ezikhuselekileyo ezifana negaraji.

UGideon Wagener ongumphathi wevenkile ethengisa izixhobo zeemoto eRhini I-Autozone, uthi enye into encedayo kukufaka isixhobo esibizwa ngokuba yi-DIY alarm esinceda ukuba imoto yakho ikhale xa kukho umntu ozama ukuqhekeza kuyo okanye ozama ukuyeba. Uthi esi sixhobo ungakwazi ukuzifakela emotweni yakho, kodwa yena ucebisa ukuba uye kumakhenikhi akufakele sona.

Comments are closed.