Nangona abantwana abaninzi abazokuqala ibanga u-R okanye ibanga lokuqala bedla ngokukhala xa beshiywa ngabazali babo ezikolweni, khange kubekho nochiphi weenyembezi ngosuku lokuvulwa kwezikolo, i-17 kweyoMqungu ku-2018 e-Oatlands Preparatory School.

“Akukho mntwana ukhalayo kulo unyaka. Kunyaka ophelileyo ndandinabantwana abathile abakhala iiveki ezimbini zonke, kodwa abalo nyaka babonakala bekhululekile,” utshilo Alison Dugmore ongutitshalakazi webanga u-R e-Oatlands Preparatory School.

Ngokokutsho kwenqununu yesi sikolo, uRosaria de la Mare, kubalulekile ukuba abazali balibambe ixesha lokungena nelokuphuma kwesikolo, bazibandakanye kwizinto ezenziwa sisikolo yaye bakhe ubudlelwane obububo nootitshala babantwana babo.

Ukwathi abazali mabaziqhelise ukumamela amacala omabini ebali xa kuthe kwabakho ukungavisisani phakathi komntwana notitshala wakhe, endaweni yokumamela oko kuthethwa ngumntwana kuphela. Okokugqibela, uRosaria de la Mare uthe abazali mababakhuthaze abantwana babo ukuze bazithembe yaye bakwazi nokuzimela.

Funda: FIVE TIPS FOR A GREAT YEAR

Utitshalakazi webanga lokuqala, uTiffany Mclean yena ucebise ngelithi; “Abazali mabaqinisekise ukuba ukutya abakuphathisa abantwana babo kusempilweni yaye kunesondlo esizokuncedisana nokukhula kwabantwana.”

UMcLean uthi xa abazali bencedisana nabantwana ukwenza imisebenzi yabo yasekhaya, loo nto iyabanceda abantwana ukuze bayigcine yaye bayikhumbule lula imixholo abafundiswa ngayo esikolweni.

“Abazali mabazibandakanye kumsebenzi wesikolo wabantwana babo,” utshilo uMcClean.

Abantwana bebanga lokuqala e-Oatlands Preparatory School babalisela inqununu yabo uRosaria de la Mare ukuba banqwenela ukubaziintoni xa bebadala. Umfanekiso: Ntombovuyo Ngaphu
Umfundi webanga u-R e-Oatlands Preparatory School, uTyler Evans ebekhatshwe ngumama wakhe uKim Evans (ekhohlo) utatomkhulu wakhe uShain Evans (esiphakathini) nomakhulu wakhe uThina Evans (ekunene). Umfanekiso: Ntombovuyo Ngaphu
Umzali, uBoniswa Piyo ume nabantwana bakhe abazokwenza ibanga u-R neloku-1 ngokulandelelana, uLinono Piyo (ekhohlo) noLingomso Piyo (ekunene). Umfanekiso: Ntombovuyo Ngaphu
Umzali, uWinnie Madiba ukhaphe intombi yakhe ezokuqala ibanga u-R, uTlotliso Madiba. Umfanekiso: Ntombovuyo Ngaphu

Comments are closed.