NguNtombovuyo Ngaphu

Endaweni yokuba ii-ambulensi zehle zisonyuka ezilokishini kuba zingakwazi ukulifumana ikhaya lesigulane, ngoku zinakho ukusebenzisa imephu kaWhat3words ukufumana ngqo ikhaya ngalinye, lula nangokukhawuleza.

IWhat3words yinkampani yaseUnited Kingdom evelise uhlobo olutsha lokuthetha nokusebenzisa iidilesi kwihlabathi jikelele.

Le nkampani yohlula-hlule umhlaba ngokweemitha ezingu-3m x 3m ukuqiniseka ukuba umkhukhu ngamnye, isikolo, irestyu, ibhoma, irenki yeeteksi, nayo nayiphi na indawo ebalulekileyo inedilesi yayo ekhumbuleka lula. Idilesi nganye kaWhat3words ingamagama amathathu awohlukileyo kulwimi ngalunye, umzekelo ikhaphetshu.umhle.isitya.

Le nkampani izokuvula ngokusesikweni i-ofisi yayo entsha eGoli ngoFebhuwari ka-2018 ngelixa isazisa ngeemephu ezintsha ezingesiZulu, i-Afrikaans nesiXhosa. Ngokokutsho kukaLyndsey Duff onguMphathi weSebe elijongene neLizwe loMzantsi Afrika kule nkampani, amagama amathathu kwidilesi nganye asetyenziselwe ukuze kubelula ukuba abantu bakwazi ukuthetha yaye basebenzise iidilesi zabo ngeelwimi zabo zenkobe.

UWhat3words usebenzisene neengcali zeelwimi zaseMzantsi Afrika ukuqinisekisa ukuba amagama asetyenziswa kwezi mephu afanelekile, awathuki yaye aneentsingiselo ezakhayo.

Le nkampani ijonge ukusebenzisana norhulumente neenkampani ezizimeleyo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba iinkonzo zazo zifikelela lula kubathengi nakuluntu jikelele. UDuff uthi bajonge nangakumbi ukunceda abantu abahlala emaphandleni nekungabo abadla ngokuphosakala ziinkonzo zikarhulumente kuba behlala kwiindawo ezikude okanye ezixineneyo. Bakwafuna ukunceda iinkampani ezithumela iipasile ukuze zonge imali, ngokuthi ziyifumane lula iminyango yezo ndawo zizebenza kuzo.

“Kuyandivuyisa ukubona ukuba zingasetyenziswa njani iidilesi zikaWhat3words ukutsiba imida nokuqinisekisa ukuba abantu bayafikelela kumathuba okuziphuhlisa,” utshilo uDuff.

UDuff uthi zikhona iinkampani ezithengisa ifenitshala, iindawo zokubuka izilwanyana, iihotele nerestyurenti neenkampani zasekuhlaleni eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika uphela esele ziqalile ukusebenzisa iidilesi zikaWhat3words. Ukwathi abaphathi nabathengi kwezi nkampani banemincili kuba besithi imephu kaWhat3words ibanceda ukuba bazifumane lula iidilesi zabo ze babelane ngazo nabahlobo babo nosapho kumajelo onxibelelwano oluntu.

UDuff uthi uyakhuthazeka kakhulu ngumsebenzi abawenzayo kwaWhat3words nanjengoko ubandakanya “Ukunceda umntu ngendlela elula, ngolwimi lwakhe lwenkobe ukuze akwazi ukufikelela kwiinkonzo eziphambili zikarhulumente. Ukubuyisela isidima ebantwini ebebengenaso ngenxa yokuba nje bengenadilesi yesitalato abahlala kuso.”

Okwangoku imephu kaWhat3words ifumaneka ngeelwimi ezili-14 zehlabathi jikelele, kuquka isiNgesi yaye kulindeleke ukuba kongezwe iilwimi ezili-10 eziquka isiHindi, isiDatshi, isiTshayina, nezinye engaphelanga uJulayi ka-2018. Le mephu iyafumaneka kuGoogle Play Store yaye ungayisebenzisa ngolwimi olukhethwe nguwe, nokuba undawoni na ehlabathini.

Mzwamadoda Makalima

Mzwamadoda Makalima, better known as Azlan Makalima, is a Grocotts Mail Online Producer, Journalist, Graphic and Layout Designer. He is a Head-Director at Multimedia Makenik, a Small Medium Micro Enterprise on Event Management, Graphic, Audio and Visual Design.

Comments are closed.