The poem is about some certain insects (like mosquitoes) invade an area, suck out all the juicy parts and then leave–leaving it dry. Oomaguputa insects confuse as they act like people according to the poet. Apparently, they came to Africa as guests but they destroyed it. The poem is anonymously written Ezi zinambuzane ziyingozi eluntwini.

OOMAGUPUTA!
Kulo mimandla yezwe leAfrika
Kumazantsi omhlab’iAfrika
Ngobuninzi nobukhulu bendl’eAfrika
Kwangen’iindwendwe iingcongconi
Zize kuphucula elo lizwe
Ndingatsho ngabula zona

Ezi zinambuzane zingenile
Zizihandib’ezangena kuMzants’iAfrika
Izinunzel’izinunzinunzi
Ntw’ezi mehl’okhozi zizel’ubuqhetseba
Zibon’inyob’aph’ingabonakali
Zisebenzise ubuchule benyoka nenyushu
Zibuye zityebi zingezase mzini

OoMaguputaaaa! Wakhal’uZoleka ngeny’imini
Beza bengaswele nto
Gxebe babe swele ntoni na?
Bekhangeleka ngathi banako konke nje?
Babaxak’oontloko zinkulu uMbovane noNyosi
Inkcuba buchopho ezileleyo

Boo Maguputa nibagqibil’abantu
Boo Maguputa kwanele ngani
Ela kuni lonwabile nini
Kodw’elakuthi likhedamile
Nalisenga nalisenga nalisenga
Qabu uNoqolomba sel’etyebe

Maguputa niya nuka kweli lizwe
Ningamathunyelo kweli khaya
Nina nawuloya umzi elubala
Ndizincamile izibhunqa zobuthi benu
Kodwa nabaFumesi banibonile eMelika
Umthandazo ningabe nibuye
Ndifung’umama asizo zisulu!

Ngu: Aninomazi

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.