Iqela labahlohli elizibiza ngokuba yiConcerned Staff kwiYunivesithi iRhodes likhokhele uqhankqalazo olungenabundlobongela namhlanje ukubonisa inkcaso yalo kubundlobongela bamapolisa ngakubafundi abaqhankqalazayo.

Iqela labahlohli elizibiza ngokuba yiConcerned Staff kwiYunivesithi iRhodes likhokhele uqhankqalazo olungenabundlobongela namhlanje ukubonisa inkcaso yalo kubundlobongela bamapolisa ngakubafundi abaqhankqalazayo.

Umhloli wezifundi zobuntatheli nolilungu  leli qela, uBrian Garman uthi olu qhankqalazo beluzama ukubonisa ukuba uyakwazi ukuqhankqalaza yaye uvakalise ilizwi lakho ngaphandle kobundlobongela ngakwicala lamapolisa okanye abaqhankqalazi.

“Sizama ukufumana indawo enobunono nekuthuleke kuyo  ukuze abantu babuyele kule ndawo bekusenzeka kuyo ubundlobongela. Siyayibanga kwakhona le ndawo njengendawo yabafundi baseRhodes nendawo yokwenza uqhankqalazo olusemthethweni,” utshilo uGarman.

Eli qela lithi liyazixhasa iintshukumo zemfundo yasimahla urhulumente akenzi ngokwaneleyo  ukuqinisekisa ukuba unikezela ngemfundo ephakamileyo yasimahla.

Abafundi nabasebenzi ebebeyinxalenye yolu qhankqalazo bebephakamise iiposta ezidlulisa umyalezo othi amapolisa mawayeke ukulwa nabafundi. Kukwabekwe iiposta ikhampasi yonke ukuvakalisa izimvo zabantu malunga nendima yeentshukumo zemfundo yasimahla kweli ziko.

Iqela leConcerned Staff lithi alifuni ukuphinda libone abafundi bedutyulwa yaye bephathwa ngobundlobongela ngamapolisa.

Comments are closed.