Iingceba Zegazi nguSimphiwe Nolutshungu Bathandi ndini besiXhosa abaxhaphe uxolo ngamaxa onke, ndiziva ndichulumancile kumazantsi omphefumlo wam ukuyakuthi gabalala kumandlalo wentliziyo yam.

Iingceba Zegazi nguSimphiwe Nolutshungu Bathandi ndini besiXhosa abaxhaphe uxolo ngamaxa onke, ndiziva ndichulumancile kumazantsi omphefumlo wam ukuyakuthi gabalala kumandlalo wentliziyo yam.

Ezintsukwini nje ndifumene imbalelwano esuka kwiziko lesiXhosa uMhlobo wenene, bendazisa ukuba, ukuqalela kula veki yamashumi amabini kaAgasti kulo unyaka baza kuqala ukufunda le ncwadi yam ithi Iingceba zegazi.

Incwadi le iza kube ifundwa ngumsasazi ophume izandla uMbulelo Ngewo qho phambi kwentsimbi yeshumi ngokuhlwa, ukusukela ngoMvulo ukuyakuma ngoLwesine weveki nganye de incwadi le bayiqukumbele ke.

Le ncwadi ke yachongwa phakathi kwezinye ngomnyaka ka2012 kwiSanlam literature yema yodwa jwi esiXhoseni. Oku ke kum kuyimincili kakhulu kuba ndisazimisele ukukhulisa ulwimi lwethu endiluthanda kakhulu, eli galelo lenziwa nguMhlobo wenene liyancomeka kakhulu kwaye kungekudala luyakuzala ukukhula kolwimi lwethu.

Uluncwadi kaloku yenye yeendlela ezibaluleke kakhulu ukunkcenkceshela nokuqhamisa ubuthina njengabantu bolwimi olu.

Ndizidla kakhulu ke ngokubhala ngesiXhosa kuba oku kum kulula kakhulu kuba amaxa amaninzi mna ndiphila sona ukanti naso singqisha ngamandla apha kumathambo am obumnyama.

Andinazintloni ke ngalo nto, ewe kona ndikhe ndibhale nangalo lona ulwimi lwasemzini kodwa ikhaya lam lisoloko lindimema ngovuyo nangothando.

Ndothula ke umnqwazi kubabhali abakho ngaphambi kwam ukanti nakubanye abaza kuqhubela phambili, besenjenjeya bebhala ngeelwimi zabo.

Le ncwadi ke nguntondo kwiincwadi zam endiye ndazibhala, mhlawumbi unombuzo othi kutheni nje ibizwa ngokuba Iingceba zegazi. Incwadi le iqwalasela ngamandla umcimbi kagawulayo othathe eyona ndawo ezimpilweni zabantu bonke jikelele.

Likhona ke negcuntswana labantu abasakubona oku njengentsomi kamakhulu kwakuhlwa, bekhona ke nabanye futhi abaphila ngathi oku abakwazi kodwa bekwazi qha bahlalele ukuphikisana nenyani esithe ntsho ngamehlo kwaye isala ukuqhwanyaza oku.

Le noveli ixubusha ngokunzulu enye yezona ngxaki zisemilonyeni yabantu kule mihla-iititshala eziphatha kakubi abafundi ngezesondo. Umlinganiswa ophambili, uMfihlo, ungowona mzekelo uphambili wokuziphatha kakubi kweetitshala ngokwalo mba.

Inkqayi ingena ngeentlontlo kuba lo mfo uqala aphathe kakubi umtshana wakhe ekhaya, adlulele kwabanye abantwana besikolo.

Kwakule ncwadi sibona ixhoba lakhe livuthulula, libheka phambili nobomi balo. Ekufundeni kwakho ke le ncwadi uyakufumanisa ukuba umncimbi kagawulayo utshotsh’ entla, kodwa ke akukubanga kakhulu kuba nayo impumelelo yobomi bethu bemihla ngemihla unefuthe eligqamileyo.

Mandi ngakuphi kakhulu ke mhlobo wam oyintanda hleze ndibulale umdla wakho wokunga phulaphuli xa le ncwadi ifundwa okanye nawe unayo uyifunda kunye nomsasazi lowo. Incwadi ke le iye yahlelwa nguNjingalwazi Peter Mtuze yaza yapapashwa ngabakwaVivlia eRhawutini.

Ndibulela kakhulu ngenkxaso endiyifumana kuni nakulowo uqwalasela izifundo zam zokubhala isiXhosa umnunzana Hleze Kunju, uMqoma omhle, nanjengoko kaloku ndisemaphethelweni okwenza ubuchule bokubhala (Masters in Creative Writing) kwiilwimi ezimbini IsiXhosa sam kwakunye nesiNgesi. Ndibulela kakhulu nangenkuthazo endiyifumana kuRobert Berold osele efana notata kum kula malanga.

Nantso ke nto zoobawo , amade ngawetyala kwaye ukwanda kwaliwa ngumthakathi. NDIYAHAMBISA!!!!

This piece is about a novel entitled Iingceba zegazi (Pieces of blood) which currently read in SABC’sMhlobo wenene fm (93.5 in Grahamstown) in August this year written by Simphiwe Nolutshungu who is doing his Masters in Creative Writing with Rhodes University under the mentorship of Robert Berold, Hleze Kunju and other teachers.

The book is published by Vivlia publishers in Johannesburg and was edited by Prf. P.T. Mtuze.

Comments are closed.