Tablet, Google, Surfing: Isigama setekinoloji nguZongezile Matshoba Kule mihla wofika sonke sixakekile, sipixa de iminwe igogane, de uve shu. Kaloku, ukuba ayizizo ezi khompuyutha, wofuka iyile minxetyana sasidla ngokuthi ukufika kwayo ngundibamb'esinqeni. 

Tablet, Google, Surfing: Isigama setekinoloji nguZongezile Matshoba Kule mihla wofika sonke sixakekile, sipixa de iminwe igogane, de uve shu. Kaloku, ukuba ayizizo ezi khompuyutha, wofuka iyile minxetyana sasidla ngokuthi ukufika kwayo ngundibamb'esinqeni. 

Kwekhu, kwaphela naloo nto yodlisela ngomnxeba kuba ngoku ingulowo wofika eyithe chu ngesandla, kungenjalo eqolozele kuyo nokuba sekunzima kanjani na ukujonga. Kuxakekiwe ke, ingulowo ethumela imiyalezwana engayanga phi, bambi befunda ezo zibhilivana, nditsho mna nasezingcwabeni, ngoku inkonzo ishushu. Kubhalwa izinto yinto, kunxityelelwana nelizwe eli kunye nehlabathi jikelele, ingakumbi kwezi zinto kuthiwa zii-social media. 

Kuyacaca mpela ukuba ‘ngumkanja’ eneneni umntu ongazibandakanyiyo nezi nkqubela zixatyiswe kangaka. Kwekhu, kodwa ezinye izinto ezibhalwa apho, zimbi azifundeki tu, ezinye zihambisa umzimba. Uyakufika ulutsha luzifihla uqwela ukuze umzali angaboni tu, kuba uyaziwa ngokuthanda ukuthetha. Phofu abanye basadla ngendebe endala, kangangokuba babhidwa nangamagama ezi zinto zitshintsha yonke le mihla.

Heke, ndide ndafika apho bendisiya khona. MaXhosa akuthi, khanindincedise apha, yintoni i-social media ngesiXhosa? Hayi, niza kundiqhatha kuba nisazi ukuba ndihleli ndingaqondi kakade, okanye ndiqonda kade. Ndincediseni nindiphe amagama alula namnandi esinokuwasebenzisa kwezi zinto zilandelayo: Social Media, Twitter, Facebook, Tablet, Google, Surfing, Internet, Email, SMS, Laptop, Computer. 

Ndiwabuza ngakhona ke la magama, kuba ukhe wathi omnye umbhali sithe kuye esinye isifundiswa namhlanje asisathethi ngomtya nethunga, koko sithetha nge-cellphone ne-charger. Andifuni nam ke untsonkotha, ndithi masibuyeleni eMbo, koko ndifuna sincedisane sifunde ukubiza nantoni na ethe yafika, nokuba ivela lee eChina, siyithiye ngoko nangoko, siyiphe igama lesiXhosa. 

Ngaloo ndlela sakube siza kakuhle ekuzingceni ngesiNtu sethu, sibayeke wena aba bathi awakho okanye anqabile amagama esiXhosa. Xa lingekho, okanye linqabile, yiphe igama nawe. Zininzi kakhulu izinto yinto ekusafuneka sizithiye amagama esiXhosa, kuba kaloku sithi sisacinga ukuba siza kuthi yintoni i-computer, sithi sisajonge leyo kufike ii-tablet, njalo-njalo. 

This is about the technology terminology, how it affects the language. Even though people would be talking in isiXhosa, they’ll use words like i-cellphone, u-facebook, i-tablet, etc. 

The author suggests that amaXhosa must seriously find isiXhosa words for these new technology terms.

Please note: Confusion in the editing process led to the print version of this article (Grocott's Mail, 30 May) being incorrectly attributed to Hleze Kunju instead of its author, Zongezile Matshoba. Kunju co-ordinates, edits isiXhosa content for Grocott's Mail on behalf of several contributors including Matshoba. Grocott's Mail apologises for the error.

Comments are closed.