Abantu bekhaya bebengakwazanga ukuzibamba ngenxa yemincili yokufika kukaMakoti omtsha eKhayeni lethu kwaMngxitama emaNtlaneni kwilali yakuMputi eDutywa kulenyanga iphelileyo Nam ke ndikhe ndeva kamnandi xa ndibalwa njengomye wama-Dodakazi, kaloku ligugu xa umntakwethu egqibe ekubeni makazifumanele umlingane wakhe aze naye ekhaya.

Abantu bekhaya bebengakwazanga ukuzibamba ngenxa yemincili yokufika kukaMakoti omtsha eKhayeni lethu kwaMngxitama emaNtlaneni kwilali yakuMputi eDutywa kulenyanga iphelileyo Nam ke ndikhe ndeva kamnandi xa ndibalwa njengomye wama-Dodakazi, kaloku ligugu xa umntakwethu egqibe ekubeni makazifumanele umlingane wakhe aze naye ekhaya.

Emva kwezinto ezininzi ekwakufuneka ubhuti wethu uNcedo azenze phambi kokuba anikwe imvume yokuba angayithabatha intombi yamaTolo, kwafuneka ayekulobola kumzi wakwaMthi kwindawo yaseBizana, wathumela ke ooTatomncinci bakhe eBizana. Ndiyabona ke ukuba umntakwethu walithanda eliqhawe lamaXhosa elithi “Induku entle igawulwa eZizweni” ade atsho ke amaTolo nawo ngalomhla mkhulu ukuba “niyasibona sonke ukuba sibahle, nentombi yethu le yiNdoni yamanzi,” kwatsho kwavala ukuba bamthembile uMakoti wabo ukuba akazukuba phoxa.

Kodwa ke amanye amakhaya kwixesha esiphila kulo akasazihoyanga kakhulu izinto ezinje ngokwendiselana okanye ukunxityiswa komntshakazi.

Thina ke sivuyela nje ukufika kukaMakoti ekhaya. Lemini ke ibiyimini emnandi emzini wamaNtlane ngoba unyana wabo oyinkulu uze noMakoti, intombi yase-maTolweni. Nako ke kubhiyozwa ngeyona ndlela ngoba saqala ngokuba ngamangqina xa ubhuti wethu engeja uMakoti ngokumnika umsesane, basikelelwa ke nguMfundisi kuba bezikhetela ukungena emtshatweni.

wakulusuku olumnandi ke olu, ngoba emva kwee-ngeji sahamba saya ekhayeni siyokunxibisa uMakoti isinxibo somtshakazi.
Umtshakazi ke emaNtlaneni unxiba amaJalimani, abhinqe isikhafu esinqeni, aphinde abhingqe itawuli esifubeni, embathe ityali emaggceni aze athwaliswe iqhiya emnyama ekuthiwa yiKhetshemiya.

Wathathwa ke ukuba asiwe endlwini enkulu ukuze ayalwe likhaya eli angena kulo ngendlela yokuziphatha xa unguMfazi, kwakunye nabazali bakhe ke abebemzisile emaNtlaneni baphose amazwi athile kwikhaya, kwakunye noMakoti. Nakuwuphi ke umzali ngeke kube lula ukushiya umntwana wakhe komnye umzi.

UMamazala wakhe ke wamthiya igama elitsha wathi ngu-Nocebo-lakhe, uthi ke xa ecacisa eligama ke uNozulu walithandazela kuSombawo, kuba wayesithi 'unyana wam udinga umntu ozakumthi chu, amqume ngoba 'ungumntu oligangxa'.

Udade wethu omdala onguNolitha ngenxa yokuba inguye iNdodakazi endala usathetha ngayo nanamhlanje loomini inkulu yokunxibisa uMakoti womninawa wakhe.

“Ndiyavuya kakhulu, indlela endimthanda ngayo uMakoti wasekhaya,” watsho ke encoma nendlela azithobe ngayo uMakoti. Emva kokuba eyaliwe waya ekitshini wayokwenza iziphungiso, elungiselela bonke abantu abadala ababegcwalise indlu enkulu.

“Wasivusa ke nasekuseni ngesidlo sakusasa, ikhaya walicoca kuwo onke amagumbi,” utsho uNolitha.

Ngexesha ke lokuba abuyele emsebenzini kwindawo yase-Pretoria uNocebo-lakhe waqhubeka nokunxiba isinxibo sakhe sobutshakazi, ngoba ebefuna ukwaziwa ukuba utshintshile, unguMfazi wase-maNtlaneni eDutywa.

Athi ke amakhumsha ngu-Mrs Mngxitama.

Lento isenza sibone ukubaluleka kwesithethe samaXhosa sokwakha ubuhlobo nabantu eningabaziyo, kodwa nidityaniswe ngabantu ababini abathandanayo.

Comments are closed.