Amapolisa afunisa ngoSizwe Sandile Babe nobegqityelwe ukubonwa ngumntakwabo eRhini ngomhla we 21 kuCanzibe(Meyi) malunga nentsimbi yesibhozo kusasa.

Amapolisa afunisa ngoSizwe Sandile Babe nobegqityelwe ukubonwa ngumntakwabo eRhini ngomhla we 21 kuCanzibe(Meyi) malunga nentsimbi yesibhozo kusasa.

Isithethi samapolisa ukhapteni Mali Govender uthi uBabe ubenxibe iblukhwe embala u-orenji, isikipa esipurple kunye nezihlangu ezitsolo ezimnyama.

Amapolisa amchaze njengomntu ongaphazamisekanga ngengqondo. UBabe uyakwazi ukuthetha ngolwimi lwesiNgesi kunye nolwenkobe, isiXhosa.

UGovender uthi ubengayiphenduli imfonomfono yakhe sukela mhla waduka, kwaye oko yayivaliwe sukela oko wemka.

UGovender waleke ngelithi umntakwabo ukhathazeke kakhulu kuba uSizwe akazanga abekude nabekhaya benganxibelelani ngomnxeba.

UBabe akakabuyeli emsebenzini wakhe kwaye akakabonwa bani eRhini, itsho ingxelo yamapolisa.

Ukanti nabani na onolwazi olungakhokelela ekufunyanweni kukaBabe makancede aqhakamshelane namapolisa aseRhini. Inombolo onokuthi uyitsalele ngu 082 3317 409 ufune uWarrant Officer Zwane okanye uConstable Mhlaba ku 078 4192 517.

Comments are closed.