Abafundi beli loMzantsi Africa abaqhubi kakuhle kwizifundo zezibalo kumaxa amaninzi kuba ootitshala abakwazi kusifundisa ngendlela eyiyo esi sifundo.

Abafundi beli loMzantsi Africa abaqhubi kakuhle kwizifundo zezibalo kumaxa amaninzi kuba ootitshala abakwazi kusifundisa ngendlela eyiyo esi sifundo.

Ezi zizimvo zikaProfesa Reinhard Hölzl nosuka kwi Pädagogische Hochschule ese Luzern eSwitzerland, nothe wachitha ixesha nootitshala kunye ngabafundi balengingqi yaseGrahamstown kwezivekana zidluleyo.

Uhambise ngelithi ngokwesiqhelo izibalo zihlohlwa kusetyenziswa indlela ezithile, i-algorithms kunye neefomulas kube kungagxininiswa ngokukuko ekuqondeni lamagama.

Kunzima ukusebenzisa isikhokelo nje ukufumana isisombululo kwingxaki zezibalo ukuba otitshala kunye ngabafundi abaqondi esona sizathu sokusebenzisa eso sikhokelo, ucacise watsho u Hölzl.

UHölzl kubalukele kakhulu ukuba abantwana baqondisise indlela entsha yezibalo ngokwazi ncakasana amagama asetyenziswayo phambi kokuba basebenzise ifomula ukufikelela kwisisombululo.

Lento ke ithetha ukuthi ukuba umntwana ufundiswa ukusebenzisa ifomula ukubala ibala lesangqa kungabubunzima kubo ukuqonda ukuba bakwenze njani oko okanye kutheni lento upi kufuneka aphindwa-phindwe ngesikwere sesangqa eso ukuba abathanga babambisisa kakuhle ukuba umele ntoni upi lowo.

Nangona kunjalo, ukuba abantwana bayavunyelwa ukuba bazakhele ulwazi olulolwabo lwesangqa bazazele ngendlela yabo ukuba kuthethwa ukuthwani ngebala, bayakuthi bakwazi ukusebenzisa iifomula ezizizo.

UHölzl ubesebenzisana noProfesa uMarc Schäfer wedyunivesithi yaseRhodes ukubonisa ootitshala baseGrahamstown ukuba bangazifundisa njani izibalo besebenzisa isixhobo sekhompyutha esibizwa ngokuba yiGeoGebra.

USchäfer no Hölzl bathe baqaphela ukuba izikolo zalengingqi yaseRhini zinazo iikhompyutha ntonje azisetyenziswa kuba ootitshala abanalwazi kwaye bengazimisele kuthabatha indlela yokuhlohla engeyiyo le baqhelene nayo. 

Bakwakhankanye ngendlela amagumbi okufundela enziwe ngayo besitsho ukuthi kumaxa amaninzi amagumbi okufundela enziwe alungela ukuba otitshala bakwazi ukulawula indlela abaziphethe ngayo abafundi kodwa oko akwanelanga xa ukuthelekisa nokufundisa.

Ngexa uHölzl ebonisa ootitshala iindlela zokufundisa kootitshala besisithili ubabonise ukuba zingabekwa njani zibesisangqa egumbini lokufundela ukuze utitshala akwazi ukubabona kakuhle bonke abafundi ze abeke esweni inkqubela phambili yabo.

Xa sele zisetyenzisiwe ezindlela kunye neGeoGebra, ootitshala bayakuziva bexhotyiswe ngokwaneleyo kwaye nabafundi bayakusebenziswa ezingcebiso ngokukuko.

Uban lo ohlulwa iMaths ongazazi izibalo wemadoda?

— Scelo Zondi (@sicelohz) April 19, 2013

Comments are closed.