UMasipala weMakana utshintshe iingqondo ngokusebenzisa imali ibibekelwe bucala ukulungisa imibhobho yelindle neyamanzi, nanjengoko ilindle liqhubeka ukugaleleka kwimisele ehamba amanzi aselwayo.

UMasipala weMakana utshintshe iingqondo ngokusebenzisa imali ibibekelwe bucala ukulungisa imibhobho yelindle neyamanzi, nanjengoko ilindle liqhubeka ukugaleleka kwimisele ehamba amanzi aselwayo.

UMasipala akakwazanga ukusebenzisa izigidi zerandi kwiinyanga ezintathu nanjengoko ebesikelwe ixesha elingako nabezinikwelisebe lakwaNational Disaster Management Centre ukulungisa ubuxhaka xhaka nobathi bonakala ngexa lezandyondyo zemvula kunyaka ophelileyo.

Lo Masipala wathi wanikwa isixa mali se 2.7 sezigidi zeerandi emva kwezandyondyo zango Okthobha kunyaka ophelileyo nalapho izixhobo zamanzi, ilindle kunye nombane zathi zonakala.

Kuba ibiyimali yesibonelelo ummiselo ubusithi kufuneka lemali isetyenziswe singaphelanga isithuba seenyanga ezintathu.

UMasiphala uthe wasifumana esi sixa-mali kweyoMqungu (Janyawari) kulonyaka umiyo, kodwa sithetha nje basenzise malunga nesiqingatha salemali ngokutsho komlawuli weTechnical and Infrastructure, uThembinkosi Myalato.

NgoJanyawari uMyalato waxelela iGrocott's Mail ukuba bafumene i-2.7 yesigidi zerandiukwakha kwakho obubuxhakaxhaka emva kwemvula emandlakazi. Ngeloxesha wathi bazakulungisa indawo yelindle eyiBelmont Valley sewage ponds kunye neefilters zeHowieson's Poort dam.

Ngeloxesha uMyalato wathi wagxininisa ngelithi umqathango walemali kukuba isetyenziswe ngelixesha liqingqiweyo leenyanga ezintathu.

Kodwa izolo, uMyalato uthe limali-sibonelelo ayisazosebenza lento bebeyinikelwa yona.

“Isixa mali se 2.4 sezigidi zeerandi sizakuthi sisetyenziselwe ukulungisa iintambo zombane logama i384 amawaka erandi azakuthi asetyenziselwe ukulungisa umbhobho we Lingelihle,” uhambise watsho uMyalato ethetha neGrocott's Mail.

“Iqela elisuka kwisebe lentlekela liye lafika ukuzakuphendla iincwadi ze lwagunyazisa ukusetyenziswa kwalemali-sibonelelo kwezi projekthi zimbini”

Uthi iinkcuba buchopho zenkampani iBigen Africa sithetha nje zizo eziququzelela ukubuyiselwa kwezinto esimeni.

“Sithumele ingxelo ngendlela esizakusebenza ngayo kwi-ofisi ejongene nezobhuxhakaxhaka. Inxalenye yalemali izakusentyenziswa apha empela-nyanga.”

Ngexa londliwano-ndlebe ngojanyawari uMyalato waxelela elipheha ndaba esithi “Kukhona injineli shlola umonakalo Belmont Valley Ponds kwaye sizakuthi sikhuphe isibhengezo kwiveki ezayo ukuze ababoneleli ngenkonzo baqalise ukwenza umsebenzi.”

Wathi ngeloxesha uMasipala uzimisele ukuchitha malunga ne 1.4 yezigidi zerandi kwi Belmont Valley ponds ze achithe i1.3 yezigidi zerandi ukulungisa i-filters zeHowieson's Poort Dam filters.

“Sikwafake isicelo semali kwakho ukulungisa imingxuma engdleleni, intambo zombane, izindlu kunye nezinye indawo ezithe zachaphazeleka kwintlekele yonyaka ophelileyo,” konke oko wakutsho ebutsheni balonyaka.

Ukanti kuleveki uMyalato uthi amanzi kunye nelindle akakhange zivunywe nguNational Disaster management Centre.

Ndaweni yoko basuke bathi imali le mayisetyenziswe ukulungisa umbane.

Kwinyanga kaApril iGrocott's Mail ithe yakhupha ingxelo nalapho oceba bememelela ukuba kusetyenziswe lemali ukulungisa imibhobho yelindle neyenze ubomi banzima kubahlali baseDe Villiers Close eSunnyside, emazantsi weBeaufort Street, kunye neBelmont Valley.

Umbhobho wamanzi nelindle ecaleni kwezindlu phaya wathi wonakala ziimpuphuma zango October kwaye ilindle lisuka ezindlwini lunqumle umgaqo ukuya kumlambo iBloukrans.

Ukanti amagosa wezemilo athe alumkisa iEcoli nefumaneka kumanzi acocwa esuka kwiBelmont Valley Waste Water Treatment Plant ze aye kumlambo iBloukrans, anubungozi ukuba abantu bangawasebenzisa.

Ukanti umasipala ombaxa weCacadu District unike iMakana isixa mali sezigidi ezi 3 zeerandi ukulungisa umonakalo weemvula zonyaka ophelileyo.

Emva kweemvula zonyaka ophelileyo usihlalo weTechnical Services Portfolio, uNomhle Gaga wathi wabhengeza isithikelelo somonakalo esithi siku 158 sezigidi zerandi nangaphezulu.

Iintsuku zeemvula ezimandlakazi zenza umonakalo emakhayeni, iindlela nobuxhakaxhaka bombane namanzi.

Comments are closed.