Emva nje kweenyanga ezilishumi elinesithandathu (16) lisunguliwe eliqela, umlawuli weCorruption Watch, ugqirha Dave Lewis ubechulumancile ngexesha enika ingxelo. Uthi abahlali baya besiza ngaphambili ukudiza izenzo zorhwaphilizo kwaye ukuzakuthi ga ngoku zingaphaya kwamawaka amane (4000) izenzo zorhwaphilizo ezithwe thaca etafileni.

Emva nje kweenyanga ezilishumi elinesithandathu (16) lisunguliwe eliqela, umlawuli weCorruption Watch, ugqirha Dave Lewis ubechulumancile ngexesha enika ingxelo. Uthi abahlali baya besiza ngaphambili ukudiza izenzo zorhwaphilizo kwaye ukuzakuthi ga ngoku zingaphaya kwamawaka amane (4000) izenzo zorhwaphilizo ezithwe thaca etafileni.

“Eyonanto iyintsika kwindlela yethu yokwenza kukukhuthaza uluntu jikelele ukuba lungathuli xa luthe lwajongana nezehlo zorhwaphilizo,” waleke watsho.

“Idala indlela echubekileyo, nengekhe sakwazi ukulwa urhwaphilizo ngaphandle kwayo.”

Intlakanipho le yiyo evumela ukuba kuthwe thaca etafileni into ebambekayo nenobungqina obobambekayo ngeendawo apho ulwaphulo mthetho lukhoyo kwaye inike uluntu jikelele ithuba lokuba lubandakanyeke ekwakheni obu bungqina.

 “Le ndlela, kunye nalamaxwebhu siwagcinayo obungqina enza kubelula kuthi ukujongana namaphulo anjengeli siceba ukulisungula sithetha nje lorhwaphilizo ezikolweni”waleke watsho uLewis.

ULewis ukwathethe wathi “kwabo basemaphandleni urhwaphilizo lelagumbi lokufundela bekufanele langeziwe kodwa akwabinjalo, lelaqela lezemidlalo lingakwazanga kufumana izixhobo ezizizo kuba inqununu okanye ibhodi elawulayo ikhethe ukuchitha imali ngempelaveki bezikhuphele eMozambique,” uthi sesinye sezehlo zorhwaphilizo eso abathe basifumana.

ULewis uthe wakhupha ingxelo yeliqela kwintetho yasesidlangalaleni nebibanjwe ngomhla we14 kuMeyi.

Isininzi kwizehlo ezithe zaziwa ngaphambili zibandakanya urhwaphilizo ezikolweni kunye nolawulo loomasipala lweedolophu ezincinci.

Enye into aye wayiqaphela uLewis ngokweengxelo abaziqokeleleyo kukuba ezona ndawo zinorhwaphilizo kweliphondo leMpuma-Kapa zahlukile kwezo zikhutshwa kwiinkcukacha manani zikazwelonke kwizigaba ngezigaba.

Ngokwenkcukacha manani kazwelonke ingxelo zorhwaphilizo ngokuphathelele komasipala zimi kwi 43% kuphela.

Nangona kunjalo eliqela lona lifumene u 80% wengxelo ezivela kweliphondo lweMpuma Koloni ezijoliswe kulawulo olugwenxa lweemali zomasipala bedolophana ezincinci.

Nokufaka abantu emsebenzini ngokuzalana ibiyenye ingxaki enkulu kweliphondo, lombutho ufumene malunga no 16% xa uthelekiswa no 11% wengxelo kazwelonke.

ULewis kwakho ukwaqaphele ukuba oluhlobo lorhwaphilizo lukwaphaya komasipala beedolophana ezincinci nalapho amagosa athi anikwe umsebenzi kuba ethandwa ngcono kunabanye abantu, ngobuhlobo okanye ngokuzalana. Uthi bakwikhondo elililo ukufumana nezinye iintlobo zorhwaphilizo ezikhoyo.

Ngendlela izinto ezihamba ngayo ngeendawo apho olurhwaphilizo lufumaneka khona kungadala ukuba kubenzima ukutshintsha izinto kwabo basemagunyeni kwaye ukungalawulwa kakuhle kwezimali kwaba masipala kuzakwanda.

ULewis uthi eliqela “linceda abo basemagunye kundlu-nkulu weliphondo ukuba bakwazi ukulandelela ezi zehlo kwaye zidandalaziswe elubala kungakhange kwaba kuchatshazelwa ezinye isekthazi ezingangeni ndawo.”

Ukongeza kwezintlobo zorhwaphilizo ukwatshilo kananjalo ukuba abasebenzi kunye namagosa eliphondo anomkhwa wokuthatha kwa inkampani zabo ibezizo ezenza umsebenzi wetenders nto leyo eyenza imali ijikeleze kubantu abanye xeshikweni beshiyeka bengaphuhli abantu.

ULewis uthi ngokuya bebabaninzi abantu abeza ngaphambili ukuza kuchazwa izehlo zorhwaphilizo amagosa akuthi avule amehlo anake ezo zikhalazo.

“Abahlali abangathulanga nabeza ngaphambili, yeyona ndlela yotshintsho leyo kwizwe lenkululeko kuba iyakunyanzela abo basemagunyeni ukuba bamamele, bathathe intshukumo okanye baphendule ngokungathathi kwabo intshukumo,” uvale ngelitshoyo.

Le mibutho ikhoyo SOZE isenzelento logama kusekho oohlohla ezabo, urhwaphilizo lwenzeka yonke lemihla kweliKapa kodwa iANC ayisoze yalubona.

— MbuyisaSonti (@MbuyisaSonti) January 22, 2013

Comments are closed.