Thu, 7 Mar, 2013

Mignon van Zyl

Isantya, amandla, ukukwazi ukuziphatha nokuzikhusela: ezi zizinto ekufuneka ziphambili kumagorha namagorhakazi ayinxalenye yeMasibambane Boxing Club ukuze babezimbethi manqindi zoqobo.

Thu, 7 Mar, 2013

Mignon van Zyl

Isantya, amandla, ukukwazi ukuziphatha nokuzikhusela: ezi zizinto ekufuneka ziphambili kumagorha namagorhakazi ayinxalenye yeMasibambane Boxing Club ukuze babezimbethi manqindi zoqobo.

Luqeqesho nje lweeyure ezintathu suku ngalunye lweveki kunye nimilo yobuhlobo yangeempela veki nokhuphiswano olugcina ezimbethi manqindi zikulungele ukulwa kwaye zibengamalungu aziphethe kakuhle asekuhlaleni.

I-Masibambane yasekwa ngonyaka ka 1987 kwaye lelona qela lidala kumaqela amahlanu amanqindi akhayo apha eRhini.

UBulelani Ndwayana nongomnye wabasunguli beliqela, ulolonga amalungu weli qela futhi ekwangumphathi weembethi manqindi ezisemthethweni neziquka unyana wakhe uMzoxolo.

“Umdlalo wamanqindi udinga ukuziphatha kakuhle okukhulu,” waleke watsho uNdwayana.

Ngexesha enaba ukwakhankanye nelithi iimbethi manqindi zithi zivavanyelwe intsholongwane kagawulayo neyesifo sesibindi (i-Hepatitis B) ze bangavunyelwa ukuba basele utywala, ukutshaya, ukwabelana ngesondo nabantu abaninzi abohlukeneyo kwaye bangakhe bazibandakanye nolwaphulo mthetho.

“Sinemihlangano apho sithi sizivule amehlo imbethi manqini zethi kwimiba yeHIV ngoba abakwazi ukubazimbethi manqindi ukuba bathe bafunyanwa bechaphazeleke yilentsholongwane. Sizama ukubagcina bezimisele apha kwezemidlalo njengesixhobo sokubafundisa, ingakumbi umdlalo lo wamanqindi,” waleke watsho uNdwanyana.

UMzoxolo, noyintshatsheli yephondo, uzakube ethabatha inxaxheba kukhuphiswano lwe Eastern Cape welterweight kulempela veki izayo eMonti nalapho kuzonyanzekela ukuba abekwi 66kg ngokwasemzimbeni.

Wenza njani ukuze ubeyinxalenye yeliqela:

IMasibambane ivuleleke kumntu wonke ominyaka ilishumi (10) ukuya kumashumi mathathu anesihlanu (35).

Umntu ofake isicelo kufuneka ezilolonge kangangesithuba senyanga phambi kokuba atyikitye Uxwebhu lwesivumelwano.

Imali yobulungu ngonyaka yi R50 kwabadala ze ibeyi R10 kwabo baminyaka ingaphantsi kweshumi elinesithandathu (16).

Iseshini zoqeqesho ziqhuba ngeentsuku zeveki ukusuka kwicala enva kweyesine emalanga (4:30) ukuya kwicala emva kweyesixhenxe emalanga (7:30) e-Indoor Sports Centre eJoza.

“iJoin the Club”yenye yeendawo apho uthi ufumane ulwazi ngamaqela ezemidlalo eMakana

Comments are closed.