Indoda ekumashumi mathathu iminyaka (30) ithe yabethwa kanobom liqela labahlali nabebelugcwabevu ngumsindo kwilokishi iHlalani kwiMpuma yesixeko saseRhini emva kokuba ethe wakrokrelwa njengendoda enebango kumabonakude obiw kwisitalato iLombo kwilokishi yaseTantyi. Abazibonele ngamehlo bathi ubebotshwe ngocingo ezandleni erhuqwa ngetekisi.

Othethela amapolisa uInspektha Malinda Coetzer uthi umenzakalo walendoda ubumkhulu kakhulu kuba ishiyeke namanxeba amane nabefuna ukuthungwa. Kwaye ube ekhuthukile kulomzimba ungasentla kukurhuqwa. Le ndoda ibikhululwe zonke impahla zayo ze yanyanyelwa ukuba ibaleke inxibe isuti yesele kwisitalato saseTantyi ikhwaza isithi “ndilisela”. 

Emva kokufumana unyango lendoda ivule ityala lokuzama ukubulala. Kodwa ngokuguquka kwezinto ithe yabanjwa ngamapolisa aseRhini ibekwa ityala lokuqhekeza izindlu nobusela. Oku kulandela ubungqina obubonise ukuba ngokwenene lendoda ibinezinto kanye ezi bezichazwe njengezilahlekileyo kwisitalato iLombo.

Sele evelile enkundleni, ungqine watsho uCoetzer. Ngabanye abatyholwa ababini, omnye umashumi mabini anesixhenxe (27) omnye amashumi mathathu anesithandathu (36) iminyaka abakwavele enku ngokwayamene nelityala.

Kaalgat
Kwesinye isiganeko esahlukileyo, indida ekrokrelwa ngokuba unomathotholo wesithuthi, amacwecwe (CDs) kunye neewheel caps kwitekisi ethile, izingelwe ze yahanjiswa ze ngumqhubi wetekisi encedisana nomntakwabo. Esi sehlo senzeke kwidlela iRaglan Road eFingo Village.

Umqhubi wetekisi, uBongani Gedze, nowaziwa njengo Stunki uthi bamkhulule impahla khona ukuze abahlali babone ukuba ulisela.  

“Isebenzile kuba uye wasixelela ukuba ziphi iiwheel caps saya kulendawo ahlala kuyo sazifumana,” uhambise watsho uGedze.

UGedze ugxininise ngelithi abakhange bambethe umtyholwa lo kwaye bavule netyala emapoliseni, kodwa uInspektha Coetzer akhange alifumane idokethi elinelityala. Umtyholwa usahamba hamba apha phandle.

UCoetze uthi amapolisa aseRhini athande ukuxhalaba ngabantu abathathela umthetho ezandleni zabo watsho esithi “lendlela yokwenza izinto intsha bayibeke esweni kwaye ayikho mthethweni.”

Ukubethwa komntu luninzi lwabantu

Usekela ntloko wesebe lezomthetho kwiDyunivesithi iRhodes, uAdvocate Les Roberts uthi ukubethwa komntu ngabahlali kwenzeka emva kokuba ulwaphulo mthetho lungalawuleki naxa abantu benomsindo babe befuna ukuba abophuli mthetho bafumane isigwebo ngokukhawuleza.

“Lendlela yokwenza ayamkelekanga kwange akukho meko inokwenziwa phantsi kwayo. Isigwebo esenziwe ngabahlali bezenzela asikho mthethweni kwaye silulwaphulo mthetho wokubetha nokubulala, kwaye lendlela yenza abantu aba babengabaphuli mthetho bona kuqala” waleke watsho uRoberts.

Wangeze ngelithi akukho mntu okanye qela linelungelo ukuthathela ezandleni zawo umthetho ngokugqeba okanye ukuzenza onobuthixo.

Le ndlela yokwenza ingathi futhi iphazamisane nendima yenkundla yamatyala.

Uhlohli wezifundo zecriminology kwiDyunivesithi iFort Hare, uEarl Taylor uthi “ngokomthetho bonke abo babandakanyekayo ekubetheni umntu beliqela nokuba ngubani obethe isithonga esilimaza kakhulu angathi abekwe ubutyala ngokubulala njongomntu owenze eso sehle ngokuzithandela kwaye atshutshiswe.

Ukuba ayiqwalaselwa lemeko ngabezomthetho, lendlela yokwenza izinto ingakhokelela ekubeni kwaphuke indlela eyamkelekileyo yomthetho, imoshe umsebenzi wamapolisa nowenkundla” uvale ngelitshoyo uTaylor.

Comments are closed.