Izindlu zibe zukhukuliseka, kwaqhekeka amadama athile kwaye namafama athi zingangabikho imveliso ezintsha kuba inxalenye yezityalo ibolela emhlabeni ngenxa yezandyondyo zemvula zaleveki.

Izindlu zibe zukhukuliseka, kwaqhekeka amadama athile kwaye namafama athi zingangabikho imveliso ezintsha kuba inxalenye yezityalo ibolela emhlabeni ngenxa yezandyondyo zemvula zaleveki.

“Azange ndayibona imvula engaka ngobusuku obunye oko ndathi ndathenga lefama ngo 1989,” utshilo uIngram Reed, ecacisa indlela ene ngayo imvula kubusuku bangoLwesithathu ukuya ngentseni yangoLwesine. Uthi ushicilele phantsi umyinge we170mm phakathi kwentsimbi yeshumi ebusuku neyesixhenxe kusasa akonela apho de aphuphumala amanzi akabisakwazi ukulinganisela kwakhona. Lemvula inayo kuleveki iqiniseke ngamandla kubusuku bayizolo kwaye kukhangeleka ngathi imoshele uninzi lwamafama azityalo zawo ebezissesemhlabeni noninzi olusantywiliseleke emanzini kuba iindawo ezininzi zisengamadama amanzi sithetha nje.

UReed uthi le mvula iyimoshe kakhulu indlela eya kule fama yakhe eBelmont Valley kangangokuba akakwazanga ukuza edolophini ukuzisela arhweba nabo iimveliso zakhe. Udla ke ngokuzisa imifuno Pick n Pay, Marvics, Lungi's Shop ePepper Grove Mall kunye ke nakwezinye iindawo kodwa ngenxa yobungozi bendlela akakwazi kubeka ubomi bakhe esichengeni ukuzama ukuza edolophini.

Lento ke ithetha ukuthi uzakuphulukana nengeniso nanjengoko imveliso zakhe zizakube zibola egadini nakuvimba kananjalo kuba engazukwazi kuzihambisa. Omnye umfama nobekhathazeke kangangokuba akafunanga kuchazwa ngagama, uthi uthe xa ejonga intsimi yakhe yeetapile obekubona nje bekumhlophe.

Zonke izityalo zakhe zikhangeleka zimoshakele kwaye iimpuphuma ziqhekeze idama lakhe. Uthi ifama yakhe nezinze kwingingqi yase Southwell ifumene uyinge we 300mm yemvula. Ukanti indlula ebithe chu kuhle izizantyalantyala idale umonakalo omkhulu kakhulu kwiindlela nezindlu kumasipala wonke weMakana kunye neNdlambe.

Nangona iRhini lifumane imvulakazi kukhangeleka ngathi onke loomanzi aqukulelele ebumelwaneni eyishiya ingonakalanga kakhulu.

Nangona kunjalo, indawo ezikufuphi nonxweme lolwandlekumasipala iNdlambe zikhangeleka njengezifumene umonakalo omkhulu njenge Kowie, imilambo iBushmans kunye neKariega. Ukongeza kumanzi ekade ekhona wokuna kwemvula emandlakazi ziphinde zibezezifumana amanzi asuka kwiindawo eziphezulu.

Iindawo zogobityholo ezijikeleze iSun City nezisePhaphamani zezona bezintlithwe ngokumandla nanjengokuba imvulakazi erhuqayo ibingena kuloomazinki ikhukulisa kwanto iyintsinjana ilapho. Nanjengokuba abantu bebecoca udaka ezindlwini zabo bathe balinganisela umfoti wethu ukuba abemephi amanzi ebusuku.

Indlela ezininzi apha eRhini zibe zigcwele lutyani olushiywe ngamanzi kunye nemingxunya edalwe yimvula nje ngemini enye. E-Extension 6, indlela esendziwayo iphinde yonakala kanye kulendawo abenzi bayo bayishiye bengayigqibanga khona.

Sifumene ingxelo kwakho kuNick James ngoLwesithathu ebusuku ethi kukhona isikhukhula esikhatshwa ludaka sinqumla uhola wendlela uN2 eHowieson’s Poort. Ubesithi lendawo neyindawo esezantsi kuyingozi ngoku ukuhamba kuyo kuba imtyibilizi kwaye ungquzulwano lwezithuthi alukude ukuba lwenzeke.

Isikali sam siyaphuphuma

IGrocott’s Mail lelinye lamaphephandaba ambalwa ehlabathini ukubaneqela lompondo zihlanjiwe kwizixhobo zohlolo lwemvula nabesoloko bekulungele ukunika abafundi beli phepha iziphumo ezizizo zemvula. (Buka iblog yethu yokuna kwemvula)

Nazi izimvo zeliqela

UNick James kwifama iRivendell: Enzulwini zobusuku ibisana ngoko ke ndehla ukuyakubona eFishfarm ukuba kwenzekani na. Udonga olukhulu lwamanzi belungathi zindudumo echichimala kwidama elo evuleke kangange 18m ubukhulu ze anzula kangangesiqingatha semitha, kwaye ibingumbono owoyikeka kakhulu ebusuku. Ngokuqhwanyaza nje kweliso ndatybilika ndatshona kumngxunya olapho obunzulu buyimitha enesiqingatha nesiwakhayo apho ukwenza umsele omtsha. Amanzi ke la ngokumangalisayo ebeshushu. Ngalentseni, emva nje kokuphela kwenkungu ibingumbono oqaqambisa amehlo esithe sawelama: zonke iindlela bezikhukuliseke ubunzulu obungangesiqingatha semitha. Amanzi abezihambela nje yonke indawo afuna ukuya kuyo okumangalisayo ke kukuba umyinge wemvula yethu ubukwi 240mm kulenyanga inxalenye ekumyinge we 90mm iyimvula nje yobusuku obunye.

UNikki Kohly, noligosa lezokhuseleko nendalo enempilo: sifumene umyinge okwi 92mm kweziyure zimashumi mabini anesine zidlulileyo. Kukhangeleka ngathi isitalato iFrederick sihlala sifumana imvula eninzi rhoqo xa usithelekisa nayo nayiphi na indawo apha etown. Hayi ke bethu uNick ukutyibilika esihla esenyuka kwezonduli…ngokuqinisekileyo akafuni kuzintywilisa kulamanzi!!!

Roger Rowswell at 4A Darling Street: ngasemva phaya ndifumene malunga ne 90mm

Robin Stobbs: ndifumene umyinge we 80mm ngalentsasa – lonto yenza umyinge opheleleyo wesitalato iGrant ubekwi 127.6mm kwezintsuku zine zidlulileyo! Nick (James), singathumela I Unimog, okanye I hovercraft mhlawumbi – amafu asezantsi kakhulu ukuhamba ngophephela! Abakwa NSRI mhlawumbi abanakuthumela izinto kunye nenqwelo-ntaka yamanzi? Ibala eli lisemva kwendlu lisaqhubeka nalento ikhangeleka okwe Okavango kwakhona kodwa ke ndilibeke esweni mhlambe ndingabona icross okanye ihippos. Njenge PS kulonyaka isitalato iGrant umyinge wayo uku 588.9mm xa uthelekisa nomyinge weminyaka engamashumi amathathu omyinge we 642mm, ngoko ke ndijonge ekubeni senze ngcono ekufikeni kumyinge olindelekileyo.

UMichelle Griffith, umlawuli Programme Support: ekugqibeleni ndide ndanaso isixhobo sokukala amanzi wemvula kwakhona emva kokutshintsha indawo yokuhlala ukusuka e fama ukuya eManley Flats. Isikali sam sibe siphuphuma ebusuku izolo. Uba bendikwazile ukuvuka ebusuku ndibhale ndiphinde ndiwachithe ngendifumene umlinganiselo onguwo ngoku.

USicelo Dyira, weUmthathi Training Project trust: andisabaweli kude kubengoMvulo ndizekudiza iindaba ezimnandi ngamaqabaza asifikeleyo kulengingqi izolo ingakumbi ebusuku. Kusasa nje isikali sibesiphuphuma ndazama ke ukuwachitha lawo amanzi ukuze ndiphinde ndikale kwakho ukujonga kwezintsuku zintathu zizayo. Ndiyathemba ke anduthathwa njengomntu oqhathayo, kuyakubakuhle ukuba sibenomfanekiso weMakana kunye nomonakalo wonke odalwe yimvula ezindlwini nasezindleleni.

Comments are closed.