Abantu abahamba kumgaqo iDr Jacob Zuma Drive ngentseni yangeCawa bathe batsalwa udla sisihelegu sezinja ebezizenzela kwimizimba yeedonki ezinye zazo bezizizibhukubhuku nje kunye nenkonyana ebelilele sele lifile ecaleni konina.  

Abantu abahamba kumgaqo iDr Jacob Zuma Drive ngentseni yangeCawa bathe batsalwa udla sisihelegu sezinja ebezizenzela kwimizimba yeedonki ezinye zazo bezizizibhukubhuku nje kunye nenkonyana ebelilele sele lifile ecaleni konina.  

Ukanti esi ibisisehlo seedonki ezintlanu nebezibulewe kukugilwa zimoto ebezidyarhiwe ngabaqhubi bazo ngonyezi ngecawa. Abahlali abakufuphi bathe baxelela iGrocott’s Mail ukuba bavuswe sisandi esikhulu ngezithuba zeye4 ngentseni.

Omnye nocele ukuba lingadizwa igama lakhe uthi yena wothuswe kukuva esi sandi sokugilwa kwezi donki. “Bendicinga ukuba yimoto eyekugileka endlwini ze ndakroba ngefestile ndabona ukuba kutshayiswe iidonki” unabe ngelitshoyo.

Uthi le moto itshayise ezidonki ibiyonakele ngokumasikizi kwaye iphokoka umsi logama iglasi le yokukhusela umoya wangaphambili ibe iphelile. “Bebebathathu abantu abebekulemoto igile ezidonki kwaye omnye wabo ubesopha apha emlonyeni”, unabe ngelistshoyo.

“Amapolisa kunye nabagcini bezilwanyana iSPCA bafike kwindawo yexhwayelo kutsha emva kwengozi leyo,” uhambise ngelitshoyo. Ukanti yena uLindile Mambarha, uthe waxelela phepha ndaba ukuba yena ubephumile eye kuzibonela ukuba kwenzeka ntoni na emva kokuva le ngxolo.

“Ndithe xa ndiphuma ndabona ipolisa lithetha nomqhubi walamoto”, uMarhamba uhambise wathi enye yezi moto ithe yakhalala umgaqo ukuyakungena kwipavement.

UMarhamba uthi omnye waba bathathu bale moto ubesethathwe ngeAmbulance. Uthi ibe ingumbono ongamhlanga ke noko wongeza kwakho ngelithi “abanini donki kufuneka bezinakekele idonki zabo”.

Isithethi samapolisa uMali Govender uthi ityala lokuqhuba ngephandle kwenkathalo livuliwe kodwa akukho mntu ubanjiweyo. Uthi zimoto ezimbini ebezisuka ngasedolophini zisiya ngaselokishini nge 4 ngentseni.

UGovender uthi “bebekhuphisana ngokudyarha iimoto ngexa enye yazo ingena kwezidonk nebezisendleleni ngeloxesha.”

Uthi abanini donki kufuneka benze umsebenzi omncomekayo ukunakekela idonki zabo. “Ukuba abaninizo bebezinakekele ngezingakhange zaba sesitalatweni ngelaxesha lobusuku” uqhube watsho uDingana.

“Umzimba wenye idonki ube ulele kangange 120 mithazi kunentloko yayo”, uthi njengomntu osebenza ngezilwanyana ibingumbono ombi ukuwubona lowo. 

Iqela leSPCA belihlupheke kakhulu sesi siganeko. Ongumncedisi we SPCA Animal Welfare, nongumhloli uMonwabisi Dingana uthe waxelela eliphephandaba ukuba zonke ezi donki besele zifile ngexesha befika. “Kunyanzeleke sizususele ecaleni komgaqo ezodonki”waleke ngelitshoyo uDingana. 

Enye idonki ibigilwe yimoto eWhite Street ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo kuye kwanyanzeleka ukuba idutyulwe kuba ibe ingxwelerheke kakhulu wangeze watsho uDingana. Ngo 8 kusasa ngeCawa izinja beseziqalisile ukuzenzela kwezidonki bezidunduluze apho.

Comments are closed.